Stellenbosch University
Welcome to Stellenbosch University

Sibhiyozela ukungafani kwethu

Lifikile ixesha lokubhiyozela ukungafani kwethu. Siza kukwenza oko kwiYunivesithi yaseStellenbosch ukususela ngomhla wama-30 kuSeptemba ukuya kumhla wesi-4 kuOkthobha - kuba sinesiqinisekiso sokuba ingxubevange yemibala yabantu nezimvo isenza sibe luqilima nangakumbi.

Le nkqubo iquka uluhlu olupheleleyo lwezinto ezinika umdla ezibonisa imfezeko yokuqukwa. Izinto eziqaqambileyo ziquka ukonwatyiswa nguDJ Fresh, uMarc Lottering, uSiv Ngesi, ngokunjalo nabaphumelele iMaties Sêr. Siya kuvala okanye senze imibhiyozo ngetheko elikhulu - owethu "UmNyhadala wemiBala".

Ukufumana iinkcukacha ezininzi nceda utyelele ku:
www.sun.ac.za/diversity malunga nemisetyenzana eyahlukeneyo onokuthabatha kuyo inxaxheba – usebenzise u#MatiesDiversity ku-Twitter naku-Facebook.

Ukufika kwabafundi bethu bokuqala "abazelwe bekhululekile" kwikhampasi yethu ebutsheni balo nyaka - abo bazelwe emva kolonyulo luka-1994 - kuphinde kwagqamisa injongo yokumanyana kwethu ekwahlukaneni kwethu sinjalo. Ukwahlukana kuyenye yeentsika
zoMbono omtsha ka-2030 weYunivesithi.

Sifuna ukuqukana nangakumbi, kwaye oku sikwenza ngokunabisa ufikelelo eMaties nangenkcubeko yokwenza wonke ubani azive amkelekile. Ndifuna ukufumana iingcebiso kubasebenzi nabafundi malunga nendlela esingakuphucula ngayo ukuqukana kwethu. Yiza ukuze siphunge kunye eRooiplein phakathi kwentsimbi ye-11:00 neye-13:00 ngoLwesithathu umhla wesi-2 kuOkthobha.

IYunivesithi sele izivuna iziqhamo eziluncedo zokwahlukana. Siyazingca ngenyaniso yokuba asingabo abaniki bolwazi nje kuphela koko sikwalungiselela abafundi bethu ukuze bakwazi ukusebenza kwimeko yelizwe nelizwekazi lethu.

Ingathi ayide ifike le mini! Masibonane khona.

Prof H Russel Botman
Inqununu neSekela-Ngqonyela

 

Click here for the full program​me​