Learning & Teaching Enhancement
Welcome to Stellenbosch University
​​​​​​​​​​​​​​​​​​​​​​​​​​

​​​​​​​​​​​​​​​ICandelo loKwandisa ukuFunda nokuFundisa​​

Imibuzo ebuzwa rhoqo​​

​​​​ Ukuhlaziywa kwezeMfundo​ (utshintsho lomdlalo​)

Yintoni umahluko phakathi kophononongo lwenkqubo, uhlaziyo kunye noyilo ngokutsha?

Ezi zahlulo zintathu zinxulumeneyo zezenkqubo iyonke yokuphuculwa okuqhubekayo komgangatho weenkqubo zemfundo e-SU, zineenjongo ezahlukileyo kancinci. 

  • UPhononongo lweNkqubo ludla ngokuhlalutya ngakumbi lugxeke kwaye kukucingisisa ngokwendalo, luxhaswa yifakhalthi –okanye liqhutywe lisebe ngoxolo kwaye yinkqubo esekelwe kubungqina ephonononga ingqiqo kunye nesizathu senkqubo ekhoyo. Lujonge ukufumana imiba ephambili ukuze iphuculwe kwinqanaba lenkqubo, kugxininiswe kwikharityhulam, ukufundisa, ukufunda kunye novavanyo. U-Hounsell (2009:202) ucebisa ukuba luqokelelwe kwimithombo eyahlukeneyo yolwazi, kubandakanya ingxelo ozenzele yona (umz. uphando, kunye neengxoxo zamaqela ophando.), uvavanyo ozenzelayo (umz. Uqwalaselo lotitshala bemfundo ephakamileyo kunye nokuzihlola ngokwakho) uvavanyo olungalindelekanga (umz. izinto ezenziwa imihla ngemihla ngabahlohli kunye nabasebenzi bolawulo njengenkqubo yokuzimasa nokumamela). Le mithombo yolwazi inokufumaneka kubafundi abakhoyo, abafundi bangaphambili, abasebenzi, iingcali ezingoogxa bakho, kunye nabachaphazelekayo bangaphakathi nabangaphandle (umz. Imibutho yeengcali, abaqeshi, uluntu jikelele, njl.nji).
  • Ukuyilwa ngokutsha nokuhlaziywa kweNkqubo kulandela rhoqo emva kophononongo lwenkqubo ngokuphathelele kugxilo ekuziseni uphuculo olufunekayo.  Ezi nkqubo zimbini zinxulumeneyo ziphuhlisa ngakumbi kwaye zijolise kwixesha elizayo zigxininisa kumbono malunga nenkqubo ehlaziyiweyo, ukucwangcisa uyilo ngokutsha kwenkqubo ehlaziyiweyo, ukuchaza kwakhona injongo kunye neziphumo zenkqubo, ukwazisa indlela ezintsha zokufunda, ezokufundisa kunye nezokuvavanya, ukufaka iimpawu zesidanga kwikharityhulam kunye nokuphucula umgangatho jikelele wamava okufunda abafundi. 

Uncwadi lucebisa ukuba zininzi iindlela ekunokuqhutywa ngazo uphononongo, ukuyila ngokutsha, kunye nokuhlaziywa kwenkqubo. Ayikho indlela enye ekukuphela kwayo 'elungileyo ', kwaye ayikho into ekunokuthiwa yinkqubo 'egqibeleleyo' (iYunivesithi yase Toronto, 2017). Ngamanye amaxesha iba yinkqubo ephinda-phindwayo kunye nedla ixesha into leyo ekufuneka yakhe phezulu kwamandla enkqubo, isekelwe kubungqina, ibe nengqiqo kububanzi kunye nobude bexesha kwaye ijolise ekuziseni utshintsho olunentsingiselo kwisebe lezemfundo.

Ithini inkqubo yokuvunywa kotshintsho lwekhalenda/utshintsho lwenkqubo ekhoyo okanye imodyuli?

Utshintsho kwimodyuli kufuneka luvunywe yifakhalthi (oko kukuthi. iKomiti yeNkqubo kunye neBhodi yeFakhalthi). Utshintsho olungelulo utshintsho lomhleli nalo kufuneka lungeniswe kwaye luvunywe ngamaqumhru amaziko afanelekileyo, angala. iKomiti eCebisayo yeNkqubo, iKomiti yoCwangciso lwezeMfundo kunye neSinethi. 

Inkqubo epheleleyo kunye nemihla yeentlanganiso zeziko ziyafumaneka apha. ​

Kufuneka ndizingenise nini iinkcukacha zemodyuli  (Fomu B)?

Inkcukacha zemodyuli ziyafuneka xa kukho utshintsho olubanzi kwimodyuli. Olu tshintsho lufuna ubhaliso lwemodyuli entsha ukuze wahlule phakathi kwabafundi ababhalisele imodyuli ekhoyo ngokuchasene nabo babhalisele inguqulelo entsha yemodyuli. Utshintsho oluya kufuna ukugqitywa kweenkcukacha zezi zilandelayo:  

  • Utshintsho lweeKhredithi (1) olungaphezulu kwe- 50%; okanye (2) ikhredithi ezi-10 okanye ngaphezulu
  • Utshintsho lweSakhelo seMfundo yeSizwe inqanaba le-(NQF)
  • Utshintsho lokuHlelwa KoMxholo wesiFundo kwezeMfundo (CESM) udidi (ukutsho oko. ingqalelo yemodyuli)
  • Utshintsho lwegama lemodyuli okanye igama lesifundo
  • Utshintsho olubalulekileyo kwiziphumo zesifundo
  • Utshintsho kwindlela yonikezelo (ukudibana no HL okanye ngokuphendulekileyo) 

Ulwazi olungaphezulu luyafumaneka apha.

Yeyiphi inkqubo ekufuneka ndiyilandele ukuze ndifumane imvume yezilungiso kwimodyuli ekhoyo?

Nceda unxibelelane neSekela –Mlawuli wefakhalthi yakho: UkuFundisa nokuFunda uqinisekise inkqubo eza kulandelwa kwifakhalthi. Inkqubo yefakhalthi ngokunjalo iya kuqinisekisa ukuba iyafuneka na imvume yeziko kwaye iya kungenisa isicelo kwiKomiti yokuCebisa yeNkqubo. 

Ithini inkqubo emandiyilandele ukutshintsha igama lenkqubo?

Ukutshintsha igama lenkqubo, kufuneka imvume yangaphandle yeSebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho (DHET), IBhunga leMfundo ePhakamileyo (CHE) kunye neGunya leMigangatho loMzantsi Afrika (SAQA). Isicelo siya kusebenza kwifakhalthi kunye neekomiti zeziko neSinethi, ngokufanayo notshintsho lwekhalenda (inkuthazo epheleleyo, ingcaciso njl.njl.). Ukongeza, amaxwebhu e- DHET kunye nawe- CHE okucela utshintsho kufuneka angeniswe. Amaxwebhu ayafumaneka​ apha.​

Kuxa lulukhulu kanganani utshintsho ukuze kufuneke ukuba kwenziwe inkqubo entsha?

Utshintsho olukhulu kwisiqinisekiso/inkqubo ezifuna ubhaliso lwenkqubo entsha zibandakanye oku kulandelayo:

  • Utshintsho olukhulu kwingqiqo, injongo, iziphumo ezingundoqo kunye nekhrayitheriya yovavanyo yenkqubo
  • Utshintsho olukhulu kuyilo lwenkqubo, ukutsho oko, ukulungisa iimodyuli zenkqubo/ umxholo nge- 50% okanye ngaphezulu
  • Utshintsho olukhulu kwiikhowudi ze- CESM ezabelwe inkqubo okanye kwiimodyuli ezinefuthe kangange -50% kumgaqo osebenzayo ekusetyenzisweni kwesiihlonipho kunye nezichazi.
  • Utshintsho kwindlela yonikezelo (esebenzayo xa kulungiswa ubonelelo lobuso ngobuso kutshintshelwa kufundo lwe-(F2F ukuya kufundo qelele nge-intanethi; ngako oko, akunakwenzeka kwiinkqubo ze- SU) 

Ulwazi olungaphezulu, ndwendwela kwiwebhusayithi ye-APQ apha.

Loluphi uncedo olufumanekayo ukuzalisa iinkcukacha zemodyuli entsha (Fomu B)?

Izixhobo ziyafumaneka kwi​ webusayithi ​​ye-APQ ukubonelela ngolwazi olungaphezulu kwicandelo ngalinye leenkcukacha zemodyuli, ebandakanya imizekelo yokusebenza kakuhle. ​ 

Ukongeza, inkxaso iyafumaneka ​kumcebisi wakho weCTL okanye kubacebisi e- APQ.

Ndiqala phi xa ndifuna ukucwangcisa inkqubo entsha?

Ulwazi olongezelelweyo malunga neengcamango ezahlukeneyo luyafumaneka  kwiwebhusayithi ye- APQ​.

Nangona kunjalo inkxaso yomntu ngamnye kunye nengcebiso ziyafumaneka, kwaye kucetyiswa ukuba udibane nabacebisi e- APQ xa kuqwalaselwa inkqubo entsha okanye inkqubo yophononongo. 

Ukuba ucinga ngokuqala inkqubo entsha engazange ibe khona ngaphambili, unokuqhagamshelana noMcebisi kuCwangciso lwezeMfundo, Melissa van der Vyver.  

Ukuba ucinga ngenkqubo entsha enokuvela kwinkqubo yohlaziyo, Nceda uqhagamshelane noMcebisi woHlaziyo lweNkqubo, Marianne Bester.

Ndingazifumana phi inkcukacha zenkqubo (Fomu A) kunye nenkcukacha zemodyuli (Fomu B)?

Iifomu nezixhobo zenkxaso ziyafumaneka kwiwebhusayiti ye- APQ. ​

Yintoni umahluko phakathi kwe- RPL ne- CAT?
  • RPL (Ukuqatshelwa kokufunda kwangaphambili)
    i-RPL isebenza kuphela kwimfundo engekho sikweni, ukutsho oko, ukufunda okungenzekanga njengenxalenye yemodyuli okanye inkqubo kwiziko elibhalisiweyo. Zimbini iindidi ze- RPL:
    1. I –RPL yokufikelela isebenza xa umfundi engabufezekisi ubuncinane beemfuno zokwamkelwa ezifanelekileyo uthi anikwe ilungelo lokungena kwinkqubo ngenxa yokuba efumene amava emsebenzini athathwa njengelingana njengemfuno esezantsi yokwamkelwa
    2. I-RPL yokuxolelwa yenzeka xa abafundi bexolelwa kwikhredithi ezithile/iimodyuli ngenxa yokuba benakho ukubonisa ubungqina bokuba kukho ukudibana okubanzi phakathi kwemodyuli kunye nokufunda okungekho sesikweni abakugqibileyo (ukutsho oko. ikhosi emfutshane okanye uthotho lweekhosi ezimfutshane). Xa i- RPL yokuxolelwa inikezelwe, akukho nqaku eliya kugqithiselwa ekufundeni okusesikweni, oluya kufuna inqaku lokugqibela lemodyuli abhaliswe kuyo ukuba libalwe ngokwe-avareyiji enobunzima (ukutsho oko, ukubalwa kwamanqaku okugqibela kwi- 100 endaweni yeekhredithi ezili-120).​

  • CAT (UkuQokelelwa kweKhredithi kunye nokuDluliselwa)
    i-CAT isebenza ukudlulisa kunye/okanye ukuqatshelwa kwezifundo ezisesikweni ezinekhredithi (ukutsho oko, iimodyuli). I-CAT ivumela ukuba abafundi bafumane ukuqatshelwa ngeemodyuli abazigqibileyo e- SU kwezinye iinkqubo okanye kwamanye amaziko ukwenzela ukuba kungafuneki ukuba baphinde iimodyuli ezikwinqanaba elinye nomxholo ofanayo. Isicelo se-CAT siya kufuna inkqubo yophando lwekharityhulam eya kubonisa ubuncinane ama- 80% eziphumo zemodyuli, umxholo nenjongo (ebandakanya inqanaba le- NQF elifanayo) limele ukudibana.​
Ukufumana ulwazi olungaphezulu, nceda ujonge umgaqo-nkqubo we- SU RPL ne CAT​ (ehlaziywayo kungoku). Ifakhalthi nganye ineenkqubo ye - RPL kunye neye- CAT ekufuneka ilandelwe.  Nceda uqhagamshelane ne-ofisi kaSekela- Mlawuli wefakhalthi: UkuFundisa nokuFunda ufumane ikopi yeenkqubo zefakhalthi. 
Ndingalufumana phi ulwazi malunga neNkqubo yeKharityhulam eYandisiweyo (ECP) e- SU?

E- SU, i-ECPs (ebikade ibizwa njengeeNkqubo zeSidanga eSandisiweyo [EDP]) enikezelwa kwifakhalthi yoBugcisa kunye neNzululwazi yezeNtlalo, iNzululwazi yezoQoqosho noLawulo, EzakwaLizwi neNzululwazi (kubandakanya neNjineli kunye neNzululwazi kwezolimo). Unakho ukuqhagamshelana nommeli kwifakhalthi nganye ukuze ufumane ulwazi olungaphezulu:  http://www.sun.ac.za/english/welcome/Pages/Extended-degree-programmes.aspx

UkuQinisekiswa komgangatho kunye nolawulo lomGangatho

Le mibuzo ilandelayo iphathelele  noqinisekiso lwemigangatho olujongwe ndawonye kunye nenkqubo yolawulo  e- SU:

Zeziphi izigaba ezahlukeneyo zomgangatho wolawulo e - SU?

  • ukuziVavanya
  • uPhononongo lwabalingane
  • Ingxelo elandelayo yeminyaka emibini

Ulwazi olungaphezulu lufumaneka kwiwebhusayithi ye-APQ​.

Ingaba kuyimfuneko kwiziko lam /isebe/ifakhalthi ukuvavanywa ngaphandle ?
Inkqubo yolawulo lomgangatho  ibonelela ngovavanyo lwarhoqo lwamasebe ezemfundo kunye neenkonzo  zobungcali zenkxaso kwezemfundo  ngokomjikelo omiselweyo wokuqinisekisa umgangatho  kunye nophuculo. UMgaqo-Nkqubo woQinisekiso lwethu loMgangatho kunye noPhuculo luzilungelelanisa ngokwalo neSakhelo se-CHE ukwenzela uPhononongo loMgangatho weZiko. 

Ulwazi olungaphezulu, nceda uqhagamshelane nogxa bakho kwi -ofisi yomgangatho ye- APQ​.

  • Yintoni umahluko phakathi kokuzivavanya kunye nengxelo yovavanyo yogxa wakho?

    • Ingxelo yokuzivavanya ngokwakho
      Le ngxelo isekelwe kubungqina iyinxalenye yesiseko sesebe (okanye ifakhalthi/iziko/Icandelo) ukuphonononga nzulu ngeenkqubo zayo nemigaqo ukuvavanya iimpumelelo kunye nemingeni kwaye kukhonjwe ukusilela. Ijolise ekuqaqambiseni iinkalo zokuphuculwa.
    • Ingxelo yovavanyo loontanga
      Iqela lengcaphephe ezifunde ingxelo yokuzivavanya kunye nobungqina bepotifoliyo, liya kuqhuba utyelelo lwendawo nodliwano-ndlebe ukuqinisekisa amabango omgangatho, likhombe impumelelo encomekayo kwaye linike iingcebiso zokuphucula.  Iqela lophononongo loontanga ngokuqhelekileyo lingaphandle kwe Yunivesithi kwaye linokubandanya abaphononongi basekhaya kunye nabamazwe ngamazwe. Apho ulawulo lomgangatho lumiselwe liqumrhu leengcali, ezi zikhokelo zokonyula abaphononongi abangoontanga kufuneka zilandelwe.​

Ukufumana ulwazi olungaphezulu, nceda undwendwele iwebhusayithi ye-APQ okanye uqhagamshelane noogxa be- ofisi yomgangatho.​

Yintoni iportfoliyo yobungqina yengxelo yokuzivavanya?
Ingxelo yokuzivavanya mayisekelwe kubungqina. Oku kuthetha ukuthi amabango omgangatho kufuneka aqinisekiswe ngobungqina. Le yindima yobungqinayepotifoliyo. Ubungqina bepotifolio bunonkubandakanya ingxelo yabachaphazelekayo (umz. ingxelo yabafundi kwiimodyuli kunye neenkqubo) kunye nedatha yeziko ngokunjalo neengxelo ezingundoqo zeenkcukacha-manani.

Ukufumana inkxaso malunga nengxelo engundoqo yenkcukacha-manani, nceda uqhagamshelane noogxa be-​ ofisi yomgangatho e- AP​Q.​


​​ Uvavanyo (utshintsho lomdlalo​)​

Ziyintoni iinjongo zovavanyo? 

Uvavanyo luphumeza iinjongo ezahlukeneyo eziya kuqhubela phambili eyona njongo ingundoqo yokuququzelela ukufunda kunye nokulungiselela abafundi ukuba bafunde ubom babo bonke, njengenjongo zokuxilongo, zokushwankathela, zokufundisa, zokuzinzisa kunye nokuvavanya. Ungafumana ngaphezulu ngenjongo nganye kwezi, kuMgaqo-nkqubo woVavanyo we- SU (2022): http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/t-l-policies-and-guidelines/institutional

Yeyiphi imithetho-siseko yovavanyo elungileyo? 

Imithetho-siseko yovavanyo elungileyo icacisiwe kuMgaqo-nkqubo omtsha ka-(2022) wase-  SU. Imithetho-siseko  igxile kule mixholo ilandelayo: uvavanyo lungundoqo wendlela ehlangeneyo yokufunda kwabafundi;  uvavanyo luphucula ukufunda kwabafundi; uvavanyo njengenxalenye ehlangeneyo yokufunda kunye nokufundisa elungelelanisa iziphumo zokufunda, amathuba okufunda kunye nezenzo zovavanyo; umgaqo-nkqubo uxhasa indlela yovavanyo enokuguquka; kwaye umgaqo-nkqubo wamkela ukuba abavavanyi banobuchule kwaye izicwangciso zokuhlola  azinalungelo elilodwa lohlobo  okanye lenjongo ethile yovavanyo  ngaphezulu kunenye. 

Unakho ukufumana ngaphezulu kwinjongo nganye kuMgaqo-Nkqubo (2022) we-SU: http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/t-l-policies-and-guidelines/institutional

Yintoni isicwangciso sovavanyo? 

Uvavanyo lunokwenziwa ngamaxesha ohlukeneyo kwinkqubo yonke yokufunda. Isicwangciso sovavanyo esibanzi kufuneka siquke amathuba amaninzi  ovavanyo agcina ulungelelwano olufanelekileyo phakathi kweentlobo zokuvavanya elokufunda kunye nelokushwankathela. 

Unakho ukufumana ngaphezulu kwinjongo nganye kuMgaqo-Nkqubo(2022):  we -SU Assessment Policy http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/t-l-policies-and-guidelines/institutional

Ndingalusebenzisa kangakanani uvavanyo loontanga kwimodyuli yam? 

Oku kuya kuxhomekeka kwimeko yakho, kwimodyuli, kubafundi, kwisicwangciso sovavanyo kunye nenjongo yovavanyo. Naluphina uvavanyo kufuneka luqwalaselwe    kwaye luyilwe ngononophelo. Qhagamshelana nomcebisi we- CTL kwifakhalthi yakho ukuze ufumane uncedo.  

Ukufumanisa ukuba ngubani umcebisi we- CTL kwifakhalthi yakho, cofa apha: ​

Yeyiphi inkxaso efumanekayo kubafundi abafanelekileyo ngexesha lovavanyo?

INkonzo yoToliko yeZiko loLwimi ibonelela ngotoliko loLwimi lweZandla (SASL) itolikela abafundi abangevayo abafuna le inkonzo ngexesha loviwo. Qhagamshelana no- Vicki Fourie ukuze ufumane ulwazi olungaphezulu. 

Ingaba ikhona iKhosi eMfutshane yoVavanyo yabasenzi abangabahlohli?

I- CTL inikezela ngeKhosi eMfutshane yoVavanyo unyaka ngamnye ngexesha lesimesta yokuqala kunye nesimesta yesibini. Cofa kwi- Assessment Short Course (sun.ac.za) kwiebhusayithi ye- CTL, okanye uqhagamshelane no- Charmaine van der Merwe ukuze ufumane ulwazi olungaphezulu.


​​ UkuFunda nge-Hybhridi (Utshintsho lomdlalo)

Zeziphi indlela ezahlukeneyo zokubonelela ezifumanekayo e-SU?

i-SU liziko loqhagamshelwano elibhalisiweyo. Iinkqubo zethu ezinekhredithi  (iimodyuli okanye iinkqubo)  kufuneka ngako oko,zibambelele kubuncinane  beemfuno zoqhagamshelwano. Iindlela ekuphela kwazo zokubonelela ezinokusetyenziswa kukufunda ubuso-ngobuso okanye indlela yehybhridi yokufunda. Ukufumana ulwazi olungaphezulu, nceda ucofe apha.

Yintoni umahluko phakathi kwendlela yokufunda eyihybhridi, edityanisiweyo kunye nemfundo yobuso-ngobuso ?

  • ukuFunda okuDityanisiweyo (BL)
    E-SU, i-BL iqondwa njengendlela emisiweyo, enengqiqo nephendula ngokwemeko yeendlela ezahlukeneyo zenzululwazi yokufundisa, iindlela zokufundisa kunye nedijithal thekhnoloji efanelekileyo edityaniswe kunye neempawu ezibalaseleyo zentsebenziswano ze- F2F. Ngako oko, i-BL inokubonwa njengokuqonda ukufundisa okubanzi kwanamhlanje, ukufunda nokuvavanya (Hrastinski, 2019) okunokwazisa, kuphucule okanye kulamle inkqubo yoyilo lwekharityhulam, ukwenzela ukufunda nge-F2F, HL kunye nokufunda ngokupheleleyo nge-intanethi (FOL).
  • Ukufunda ngokudibana okanye ubuso-ngobuso (F2F)
    Oku kwenzeka xa imodyuli okanye inkqubo ifundiswa kwigumbi lokufundela okanye kwindawo enabahlohli/abaququzeleli kunye nabafundi phantse babekhona ubuqu. Uninzi lokufundisa, ukufunda kunye novavanyo zisenzelwa ekhampasini okanye kwigumbi lokufundela, kusetyenziswa isicwangciso samaxesha sesiqhelo apho abafundi bazimasa amathuba okufunda kwikhampasi imihla yonke. 
  • Ukufunda ngendlela yeHyhbridi (HL)
    i-HL ibandakanya ukufundiswa kwenkqubo yemfundo okanye imodyuli ngamaxesha azinzileyo okufunda ngokupheleleyo kwi-intanethi, okongezwa ngamathuba ambalwa/amafutshane, nangona kunjalo ngamaxesha entsebenziswano engamandla kunye nokuzibandakanya (‘ukubhloka amaxesha kwikhalenda’) ukubakho nokungabikho kwikhampasi (F2F) iiseshoni zoqhamshelwano.Funda ngaphezulu nge- HL apha. 

Iinkcukacha zolwazi olungaphezulu zifumaneka apha.

Abasebenzi abangabahlohli abanomdla wokuphuhlisa ukufundisa nge- HL okanye ofuna ukukhuthaza oogxa bakhe kumasebe abo /ifakhalthi ukuba benze njalo: Kuqalwa phi?

  1. Cela amaxwebhu enkxaso-mali ngokusebenzisa iwebhusayithi, ye- HL kuMphathi weProjekthi okanye kumcebisi wokufunda nokufundisa wefakhalthi yakho. Nokuba akugqibi ekubeni wenze isicelo senkxaso-mali, ifomu yesicelo ibonelela ngesikhokelo esiluncedo okufuneka ukuqwalasele kunye nomntu ekufuneka uthethe naye ukuze ufumane ulwazi olungaphezulu.
  2. Xa ulufundile ulwazi, ufanele ukuba ube nombono ongcono wokuba isifundo sakho esinokwenzeka siya kuhambelana na nekhrayitheriya ephambili edweliswe kwiifomu. Ukuba akukaqiniseki , unakho ukuqhagamshelana nomcebisi wefakhalthi yakho yokufunda nokufundisa, umxibelelanisi wakho wokufunda okudityanisiweyo (BLC) okanye uMphathi weProjekhthi  we-HL.
  3. Inyathelo elilandelayo (phambi kokuba uzalise ifomu) kukuba ube nengxoxo zangaphakathi kwifakhalthi yakho. Ulonyulo kwinkxaso-mali kufuneka luqinisekiswe ngabaphathi befakhalthi. IKomiti yoLawulo ye-HL iya kukhangela isiqinisekiso sokuba inkxaso-mali enokwenziwa iya kutyalwa kuphuhliso kwisifundo esinexabiso elikhulu kwifakhalthi. Kucetyiswa ukuba iNtloko yeSebe mayazise injongo yokwenza isicelo senkxaso-mali kwingqwalasela kaSekela-Mlawuli wefakhalthi: ukuFunda nokuFundisa. Kwezinye iifakhalthi, oku kuya kukhokelela kwiingxoxo kunye neKomiti yoCwangciso kwezeMfundo okanye abanye abathathi-nkxaxheba njengoMphathi weFakhalthi.​
  4. Xa sele uzibambile ezi ngxoxo, unakho ukuqalisa ukuzalisa ifomu. Ifomu iqulathe icandelo ‘loluhlu’ lwezinto ezifuna ukukhangelwa’ ezibhekisele kwabanye oogxa bakho okanye emimye imithombo yolwazi ukukunceda uzalise ifomu.
  5. Xa ifomu igqityiwe yatyikitywa ngabo bonke oogxa bakho ekufuneka benze njalo, uSekela- Mlawuli wefakhalthi yakho: uKufunda nokuFundisa unakho ukuyingenisa phambi kwesimemezo sokugqibela senkxaso-mali.
  6. ​Emva kokuba iKomiti yoLawulo ithe yadibana ukuze iphonononge onke amagama abatyunjiweyo, isiphumo siya kubhengezwa ngeleta evela ku​Sekela-Nqununu: ukuFunda nokuFundisa.
  7. Xa inkxaso-mali ye- HL ivunyiwe, uya kuqalisa ukusebenza ngokusondelelana kakhulu ne- qela le HL ukuyila, ukuphuhlisa kunye nokuthengisa umnikelo wakho we- HL.

Ingaba sinakho ukubonelela ngenkqubo /modyuli ngokupheleleyo nge-intanethi?

Hayi. I-SU ayibhaliselwanga ukunika nayiphana imiba equlathe ikhredithi ngokupheleleyo kwi-intanethi, kwaye iimpendulo ezivela kubafundi kunye nabanezidanga zibonisa ukuba kusekho ukukhetha ukuchitha ixesha elithile ekhampasini. 

Iinkcukacha ezingaphezulu zolwazi ziyafumaneka apha​.

Ndingalufumana phi uluhlu lwamathuba okuyila kunye/okanye okufunda kwi-intanethi?

I-webhusayithi ye HL ibonelela ngezixhobo ezixabisekileyo zokunceda abahlohli ekuyileni imisebenzi yokufundisa nokufunda kwi-intanethi, kwaye babelane ngemizekelo yeenkqubo neemodyuli ze- HL ezibonelelwa e-SU, phakathi kolunye ulwazi. Wamkelekile kanjalo ukuba uqhagamshelane neqela le HL elinokukwalathisa izixhobo ezifanelekileyo/amathuba ngokubhekiselele kumbuzo wakho othile.

Yohluka njani i- HL kwi-ARTLA?

Ukuqala kwe-Covid-19 ngowama- 2020 kunyanzeleke ukutshintshwa kwangoko kwentsebenziswano yo-F2F nabafundi nge- FOL okanye UkuFundisa, ukuFunda kunye noVavanyo lukaXakeka lwaKude (ERTLA). UkuFundisa, ukuFunda kunye noVavanyo lwaKude oLwandisiweyo (ARTLA) yayiyindlela eyahlukileyo apho iifakhalthi zinokunikezela umxube wezi ndlela i-F2F, FOL kunye ne- HL ukuhlangabezana nokubuyela kwabafundi ekhampasini. Zombini i- ERTLA kunye ne- ARTLA ibingamalinge okusabela kuxakeka avunyelwe ngonikezelo olulodwa nguMphathiswa weMfundo ePhakamileyo, ukuqinisekisa ukuba ukufundisa, ukufunda novavanyo kunokuqhubeka. Olu nikezelo lulodwa lwalusebenza kuphela kangangexesha eliqingqiweyo kwaye alukhange luhlaziywe ngowama- 2022. 

i-HL ifuna uyilo lwangabom lwekharityhulam lemodyuli/inkqubo njenge ndibaniselwano yebhloko ezipheleleyo zekhalenda (ikakhulu nge-intanethi) inkxaso yokufunda nge-intanethi kunye nendibanisela ye-intanethi kunye neebhloko zasekhampasini zexesha lokwenyani. Ezi seshoni zexesha lokwenyani zinegaleleo kubuncinane bexesha elifunwayo (CHE, 2014) yi- DHET. 

Iinkcukacha ezingaphezulu zolwazi ziyafumaneka apha​.

Ndingaqalisa kanganani ukusebenzisa i- HL ngaphandle kokwenza isicelo senkxaso-mali?

Inkxaso-mali ye-HL ayifuneki ukuze uqalise ukusebenzisa imodyuli okanye inkqubo ye-HL. Injongo yenkxaso-mali ye- HL kukubonelela ngenkxaso-mali kunye nesivumelwano senkxaso yoyilo kwi-ofisi ye-HL  Nangona kunjalo, izixhobo ezininzi ziyafumaneka kwi-webhusayithi ye-HL eziya kuthi zinike abahlohli izimvo. Ukongeza, inkxaso yomntu ngamnye iyafumaneka kwi- Ziko leeThekhnoloji zokuFunda kunye ne- BLC yefakhalthi yakho. 

Nangona kunjalo, ukuze imodyuli okanye inkqubo itshintshwe ekubeni inikezelwe ngendlela yobuso- ngobuso ibe yindlela ye-Hybhridi, kufuneka ingxelo malunga nolu tshintsho kunye nemvume yeziko.
iinkcukacha zemodyuli (iFomuB) yemodyuli nganye iya funeka, njengemodyuli entsha kufuneka ibhaliswe kwiNkqubo yoLwazi lwaBafundi (SIS) ukuze kwahlulwe phakathi kohlobo lobuso-ngobuso kunye nolo lwe-HL, kunye nokuqinisekisa ukuba imiba yoyilo lwe kharityhulam ye-HL iyabandakanywa.​

Zeziphi ezona ngqwalasela zingundoqo zabasebenzi abangabahlohli kunye namasebe anomdla wokuyila izifundo ze- HL? 

i-HL inikezela ngenkxaso yokufundisa uyilo eyaneleyo kunye nenkxaso-mali (encinane) ukuvumelana nomhlohli ngenxalenye yexesha lakhe kuphuhliso lwezakhono zezifundo ze-HL, kodwa ngexesha lomjikelo wokuqala wophuhliso kunye nenqanaba lokuphumeza kuphela. Ukusebenza kwenkqubo kunye nemingcipheko yemali enxulumene noko, ngundoqo wengqwalasela yefakhalthi.

Imeko yaBasebenzi: Oosihlalo bamaSebe, abahlohli kunye nabanye abasebenzi abazizifundiswa abaya kubandakanyeka kwinkqubo kufuneka baqaphele ngaphaya koku kulandelayo​:

  1. Ingaba unaso isakhono esanelelyo kunye nexesha lokuzibophelela kuyilo lwekharityhulam kunye nenkqubo yophuhliso lobugcisa kwi- HL? (ukuba akuqinisekanga ukuba oku kuya kuthatha ixesha elingakanani, nceda uqhagamshelane neqela le-HLL kunye/okanye umcebisi wakho we-CTL​.)
  2. Ukuba ubona ukuba uza kufuna inkxaso ukwenza ixesha lophuhliso lwe- HL, loluphi uhlobo longenelelo lwenkxaso oluya kukunceda? Umzekelo: Ufuna ukunciphisa umthamo wakho wokufundisa okanye ucele umncedisi wokufundisa/inkxaso yetyhutha? ingaba ufuna ukuchonga ingcali yesifundo yangaphandle ukukuncedisa ukuphuhlisa enye imathiriyeli yekhosi? inkxaso-mali ye- HL isenokungabinakho ukujongana nazo zonke ezi mfuno, kodwa ukwazi ngemeko yakho eyodwa, kufuneka ngokuqinisekileyo ikhanyisele zombini ingxoxo zakho nobunkokheli befakhalthi kunye neqela le-HL njengokuba usenza isicelo senkxaso-mali.
  3. Ingaba ufuna ukuphumeza nini unikezelo ngesifundo seHybhridi? Ingaba ixesha onalo liyayivumela inkqubo yolawulo lokubhalisa inkqubo/modyuli okanye ukuhlaziya kunye nokungenisa kwakhona iifomu zobhaliso lwemodyuli? Nceda uqhagamshelane neZiko loCwangiso lwezemFundo kunye noQinisekiso loMgangatho okanye uMcebisi wakho weCTL ukuba ufuna ukuqonda kakuhle amaxesha aqhelekileyo abandakanyekayo. ​
  4. Ingaba unaso isivumelwano nenkxaso kubantu bonke besebe lakho kunye nefakhalthi. (ukubandakanya umphathi, ooSekela MLawuli beFakhalthi kune nabaLawuli befakhalthi)?
  5. Ingaba isifundo (kunye ne-HL iphelele ihambelana nombono wesebe lakho kunye nefakhalthi?

Kubaluleke kakhulu ukuthathela ingqalelo imeko yabafundi abalindelekileyo. i-HL ifuna ukuba abafundi babe nofikelelo olwaneleyo kwi-intanethi kunye nezixhobo ezizezabo, kwaye babe nenqanaba elisisiseko solwazi lokufunda nokubhala ngokwedijithali ukuze bafunde kwi-intanethi. Ubuchule kunye noyilo lwekharityhulam yemodyuli/inkqubo banakho ukulungiselelwa ukuba bamkeleke kangangoko bunakho kwimo yabafundi, kodwa isicelo senkxaso-mali ye- HL kufuneka kuqala sibonise ukuba uyazazi iimfuno zabo zokufunda (malunga nendlela, nini kwaye kuphi apho iqela liza kufunda khona) nokuba ngaba ezi mfuno zohlukene.

Ukuqwalasela ngakumbi okuphambili kuya fumaneka apha nakwi ewebhusayithi ye-HL​.

Ndingayisebenzisa itoliki ukuba ndisebenzisa indlela ye- HL?

Ewe, iNkonzo yoToliko yeZiko loLwimi lixhotyiswe ngokupheleleyo ukutolika izifundo kwi-intanethi kwixesha elimiyo kunye neebhloko ze-F2F, nje ukuba zisasazwa kwi-intanethi. Abafundi banelungelo lokukhetha ukusebenzisa inkonzo bekude okanye besegumbini lokufundela, ngokusebenzisa iselfowuni okanye ikhompyutha eziphathwayo.

Ukufumana ulwazi olungaphezulu, qhagamshelana no-Juanli Theron okanye Christine Joubertokanye undwendwele kwiwebhu-peyiji yethu apha.

INkonzo yoToliko yeZiko loLwimi inakho ngokunjalo ukubonelela inguqulelo evakalayo e-asynchronous izifundo ezivakalayo okanye izixhobo. Ukufumana ulwazi olungaphezulu, qhagamshelana no- Juanli Theron okanye u- Christine Joubert okanye undwendwele iwebhu-peyiji 
apha.

Yintoni i- 'StellenboschX? 

'iStellenboschX' ibhekisele kwintsebenziswano phakathi kwe-SU kunye ne-edX, iqonga lokufunda eliphambili kwi-intanethi ukusuka kwi- 2U, Inc. 

i- khosi yepotfoliyo yase-StellenboschX (esingathwe kumaqonga ezizwe ze-EdX) imiselwe ukubandakanya uluhlu olubanzi lwezifundo. Ezi zifundo ziya kubonisa zomibini ubuchule bezemfundo be-SU kunye nophando, ukubonisa ukusabela kwiimfuno eziguqukayo zabafundi abadala banamhlanje. Ipotifoliyo iya kubandakanya zombini ezihlawulelweyo    (enesetifikeyiti) isatifikeyiti sobungcali kunye neekhosi ezivulekileyo ezinokugqitywa ngaphandle kwentlawulo. 

Ukuba ufuna ulwazi malunga nentsebenziswano  ye- SU kunye ne- edX kunye/okanye unomdla ekunikezeni ikhosi kwi- edX, nceda uqhagamshelane neqela le HL.

Kutheni i- SU isebenzisana ne- edX?
 

Ulwazi olungaphezulu malunga noku, nceda ujonge incwadana yeendaba isazisa intsebenziswano ye- SU/edX cofa apha ukufumana isaziso.

Ngawaphi amanyathelo alandelayo ukuba ndinomdla wokubonelela ngekhosi kwi-edX?


Lonke unxibelelwano malunga (nokubakho) kwezifundo kwi-StellenboschX hambela kwiqela le HL. Phambi kokuba isindululo senkqubo singeniswe kwi- edX, siba neengxoxo zangaphakathi eziliqela kunye nawe ukulinganisa iimbono zakho, sifumane ulwazi olukwinqanaba lemarike eliphezulu kwaye sikunike isishwankathelo senkqubo esisebenzayo. 

Nceda  uqhagamshelane neqela le-HL ukumisela ingxoxo​.


​​ Ukuphucula ukuFundisa, ukuFunda kunye noVavanyo

Inini enye indawo ezolileyo yokubhala?

Iindawo ezizolileyo zokubhala zidla ngokubonelelwa kabini ngonyaka.  Ukufumana ulwazi lwamva nje, ndwendwela icandelo leNdawo eZolileyo yokuBhala kwiwebhusayithi ye- CTL  okanye uqhagamshelane no- finlo@sun.ac.za 

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/professional-learning-opportunities-for-t-l/writing-retreats

Iziko loLwimi lukwa bonelela ngezinye iindawo ezizolileyo zokubhala kunye neemarathoni zokubhala nokufunda ngokusebenzisa iLebhu yokuBhala.  Qhagamshelana no -Selene  selene@sun.ac.za ukufumana imihla  yamvanje kunye nolwazi, okanye ufunde ngaphezulu apha: https://languagecentre.sun.ac.za/product/writing-marathons/

Ndinganakho ukuququzelela ucweyo malunga nomba we- TLA kwifakhalthi yam?

Ewe! Nceda uqhagamshelane nomcebisi we- CTL kwifakhalthi yakho ukuze ufumane uncedo cofa apha ukuze ufumanise ukuba ngubani ekufuneka uqhagamshelane naye: 

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/professional-learning-opportunities-for-t-l/faculty-based-work

Ndifuna ukuphuhlisa izakhono zam zonxibelelwano. Ngawaphi amathuba okufunda ubuchwepheshe avulelekileyo kum?

I- CTL inikezela ucweyo lonxibelelwano i-Elsabé Daneel's communication kubahlohli kathathu ngonyaka. Ukufumana ulwazi olungaphezulu, qhagamshelana  no-claudias2@sun.ac.za  kwaye ufunde apha: https://www.sun.ac.za/english/Lists/news/DispForm.aspx?ID=7981 

I-Comms lebhu yeZiko loLwimi inikezela ngeekhosi ezahlukeneyo ezimfutshane ezinenjongo yokuphucula izakhono zokubhala nezokuthetha. Ukufumana ulwazi olungaphezulu, qhagamshelana no- Michelle e-michellep@sun.ac.za okanye undwendwele  kweli phepha: https://languagecentre.sun.ac.za/commslab/

Yintoni indima yeNtloko yesebe?

Kukho isikhokelo seziko esibizwa ngokuba, yiMisebenzi kunye noXanduva lukaSihlalo weKomiti yeNkqubo kunye nabaQuquzeleli beNkqubo onokudibana nabo. Uya kuyi fumana loo nto apha:

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/t-l-policies-and-guidelines/institutional 

Incoko kunye noSekela- Mlawuli wefakalthi: ukuFundisa kunye nokuFunda kuya kuba nexabiso njengoko ifakhalthi zinokuba noxanduva olohlukeneyo oluqhotyoshelwe kule ndima.

Yintono i- SoTL?

I-SoTL ibhekisele kuLwazi lokuFundisa nokuFunda. Kukho iinkcazelo ezahlukeneyo, kodwa ngokufutshane, iSoTL inokubonwa “njengokucamngca ngendlela yokufundisa nokufunda okwenziwa esidlangalaleni  "(McKinney, 2003). 

Unakho ukufunda ngaphezulu apha: https://sotl.illinoisstate.edu/downloads/definingSoTL.pdf 

E-SU, sinenkomfa yangaphakathi ebizwa ngokuba yiNkomfa yoLwazi lokuFundisa nokuFunda. Unakho ukufunda ngaphezulu ngayo apha:

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/professional-learning-opportunities-for-t-l/sotl-conference

Ngokunjalo sinikezela ngeKhosi eMfutshane kuLwazi lokuFundisa nokuFunda. Qhagamshelana no-  claudias2@sun.ac.za ukuze ufumane ulwazi olungaphezulu.

Ngubani ozimasa iNkomfa ye- SoTL?

iNkomfa ye- SoTL yinkomfa yangaphakathi yezifundiswa/abahlohli, iingcali nabasebenzi abanika inkxaso kulawulo kwi-TLA e- SU. Ukufumana ulwazi olungaphezulu, ndwendwela iwebhusayithi ye- SoTL:

https://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/professional-learning-opportunities-for-t-l/sotl-conference

Yintoni i-Khosi eMfutshane ye- SoEL?

iKhosi eMfutshane yokufunda ngoLwazi loBunkokheli kwezeMfundop (SoEL) yikhosi enekhredithi ezili- 12-, ebekwe kwiNqanaba le- 8 kwi-NQF. Inikezelwa kwiinkokheli zase- SU kwimfundo, kangangesithuba sonyaka omnye ngendlela ye- BL. Iinjongo zibandakanya okulandelayo:

  • Ukubandakanya iinkokheli zemfundo (umz. ooSekela – baLawuli beefakhalthi bokufundisa nokufunda, iinkokheli zenkqubo, oosihlalo bamasebe, iintloko kunye nabasebenzi beeyunithi zokufundisa nokufunda kunye neenkonzo zenkxaso yobungcali kwezemfundo) iindlela zokufunda kubunkokheli kwezemfundo
  • Ukwazisa iinkokheli zemfundo kuncwadi lwe- SoEL kunye neziphumo zalo kwimeko yabo yobunkokheli kwezemfundo.
  • Ukusebenzisa izakhono zophando ze-SoEL kwimeko yabo yobunkokheli kwezemfundo (njengokuphonononga uncwadi, ukuqulunqa iingxaki zophando lwe- SoEL, ukuyila iindlela zophando kunye nokupapasha iziphumo).
  • Ukubonakalisa ubunzulu bokucingisisa kubunkokheli bezemfundo ngendlela yepotifoliyo encinci. 

Ukufumana ulwazi olungaphezulu, ndwendwela:

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/professional-learning-opportunities-for-t-l/soel

Loluphi uqeqesho olukhoyo lwabahlohli abatsha?

Amathuba amaninzi oqeqesho ayafumaneka. Ukuphendula umbuzo wokuqala kukuthi loluphi uhlobo loqeqesho obhekisele kulo. Malunga nokufundisa, i-SU inikezela ngamathuba asekelwe kwiziko kunye nasekelwe kwifakhalthi okufunda ngobungcali bendima yakho yokufundisa. Isiqalo esihle kukuqhagamshelana nomcebisi we- CTL kwifakhalthi yakho ukwenzela ukuba akwalathise indlela efanekileyo. Unakho kanjalo ukundwendwela iwebhusayithi ye-CTL ukuze ufumane uluhlu lwamathuba: 

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/professional-learning-opportunities-for-t-l (Jonga kwimenyu ehlayo ezantsi kweli phepha.)

Ngawo nawaphina amathuba okufundela ubungcali abekwe kwiindlela ezahlukeneyo zokubonelela, ingakumbi ezinxulumene nokufunda ngethekhnoloji edijithali, ndwendwela iwebhusayithi ye-CLT: 

Professional Learning Opportunities (sun.ac.za)

Ngubani onokundinceda ngokufundisa kwam?

I- CTL inceda abahlohli kwindima yabo yokufundisa. Injongo yethu kukudala amathuba okuba abahlohli kwiifakhalthi bafundele ubungcali kwaye babe ziinkokheli ezicingayo kwimimandla yokuphendula, ukusungula izinto ezintsha, kunye nokufunda ngolwazi lokufundisa nokufunda. 

Nceda uqhagamshelane nomcebisi we- CTL kwifakhalthi yakho ucele uncedo. Cofa apha ukuze ufumane ukuba ngubani onokuqhagamshelana naye: 

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/professional-learning-opportunities-for-t-l/faculty-based-work

Yintoni igcisa elicingisisayo?

UMgaqo-Nkqubo wokuFundisa nokuFunda wase- SU ulichaza igcisa elicingisisayo ngolu hlobo lulandelayo: Igcisa elicingisisayo licinga ngengqondo epheleleyo nangobunzulu malunga nomsebenzi wokufundisa, kwaye liphonononga ngokubanzi, libhale phantsi ngokukhula kwalo kubungcali. Ukufunda ngaphezulu malunga noku, ndwendwela iwebhusayithi ye CTL iZixhobo kuCingisiso-: https://www0.sun.ac.za/ctlresources/reflection/

Ngubani umcebisi we- CTL kwifakhalthi yam?

Ukufumanisa ukuba ngubani umcebisi we- CTL kwifakhalthi yakho, cofa apha: 

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/professional-learning-opportunities-for-t-l/faculty-based-work

Ingaba zikhona i-webhina ngexesha lesidlo sasemini umntu anokuthi azizimase?

I- CTL inikezela ngeseshoni ze- Auxin   kwaye iCandelo loPhuhliso lokuFundisa nokuFunda linikezela ngeesemina ze - LTE. Ii-Auxin zintetho ezenziwa ngabahlohli ngenguqulelo ezintsha ekufundiseni nasekufundeni kwinzululwazi yokufundisa e- SU.  Ukufumana  ulwazi olungaphezulu, cofa apha:

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/professional-learning-opportunities-for-t-l/auxin

Ngexesha lekota nganye, i- CTL​ iququzelela iSemina yokuFundisa nokuFunda phantsi kwenkxaso kaSekela-Nqununu: UkuFunda nokuFundisa, Njng. Deresh Ramjugernath, kunye neCandelo loPhuhliso lokuFunda nokuFundisa. Injongo yeesemina kukukhuthaza ukufunda ngolwazi lokufundisa nokufunda. Abafundisayo base-SU babelana ngophando, inguqulelo ezintsha kunye namava malunga nokufundisa  nokufunda, ngokunjalo nengxoxo ezidlamkileyo ziyalandela. Ukufumana ulwazi olungaphezulu, ndwendwela: http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/t-l-resources/t-l-seminars

I-SUNLearn

Ngayo nayiphina imibuzo enxulumene ne-SUNLearn, ndwendwela iwebhusayithi ye- CLT kwaye ukhangele kwicandelo leNkxaso yokuFunda yeeThekhnoloji: Learning Technologies Support (sun.ac.za) 

Ndingafunda njani ngaphezulu malunga nemisebenzi ye- SUNLearn kunye nendlela yokulawula  ukusebenza kwabafundi kwi- SUNLearn?

Ukufunda ngaphezulu malunga nemisebenzi ye-SUNLearn okanye ukusebenza kwabafundi kwi -SUNLearn, ndwendwela iwebhusayithi ye- CLT Learning Technologies Support (sun.ac.za) kwaye ungakhele kwicandelo elifanelekileyo ngokweemfuno zakho, nokuba luqeqesho nenkxaso, uqeqesho lomnxibelelanisi okanye uqeqesho lwetyhutha.  

Ingaba lukhona uqeqesho lwe- SUNLearn?

Iseshoni ezisisiseko ekusebenziseni i-SUNLearn ziya bonelelwa kubasebenzi rhoqo. Ndwendwela iwebhusayithi ye- CLT ukuze ufumane ulwazi olungaphezulu kunye nendlela yokubhalisela iseshoni yakho yoqeqesho lobunxibelelanisi kunye/okanye ufikelelo kwiSikhokelo soMsebenzisi se-SUNLearn

Short Courses, Training & Support (sun.ac.za) 

IIngaba ukhona umntu onokundinceda ekuyileni ikhosi yam kwi-SUNLearn?

Ii-BLC zimele i- CLT kwiifakhalthi. Khululeka uqhagamshelane ne- BLC kwifakhalthi yakho ukuze ufumane uncedo lokuyila ikhosi yakho kwi- SUNLearn. Ungazifumana iinkcukacha kwiphepha leNkcukacha zoQhagamshelwano lweNkxaso kwi-SUNLearn:

Online Teaching Guide: Contact details for support (sun.ac.za) 

Ndinqwenela ukungena kwi-SUNLearn okanye ndicele ukusebenzisa ithekhnoloji yokufunda engenye. Ndingathetha nabani?

Ngayo nayiphina inkxaso ye- SUNLearn, qhagamshelana neDesika yeeNkonzo ye-SUNLearn: https://learnhelp.sun.ac.za/

Ingaba zikhona iikhosi ezimfuthsane ezigxile kwi-BL ngokunjalo indlela yokuyidibanisa ekufundiseni, ekufundeni nasekuvavanyeni?

i- CLT izibophelele ekudaleni amathuba okufundisa ubugcisa kubasebenzi kwimizamo yayo yokubandakanya ngokunentsingiselo ithekhnoloji yokufunda kwiikhosi zabafundi. Iikhosi ezimfutshane ezimbini eziqinisekisiweyo kwi-BL ziyabonelelwa yi- CLT. Ndwendwela; iwebhusayithi ye- CLT ukuze ufumane ulwazi olungaphezulu:

Professional Learning Opportunities (sun.ac.za) 

Zeziphi iithekhnoloji zokufunda ezinconywayo nezixhaswayo e-SU?

Ukufumana ulwazi olungaphezulu malunga neethekhnoloji zokufunda ekucetyiswa ngazo kunye nezixhaswayo e-SU, ndwendwela iwebhusayithi ye-CLT uze ukhangele kwicandelo leNkxaso yeThekhnoloji yokuFunda:

Learning Technologies Support (sun.ac.za) 

Ingaba ukhona uvimba wabasebenzi abafundisayo  ogcina zonke izixhobo zokufundisa, ukufunda nokuvavanya, (LSP –iPhepha leNkxaso yabaHlohli)

Ukufikelela kuMathuba okuFundela ubuGcisa (kubandakanya  iiwebhina, iikhosi okanye iindawo ze-SUNLearn) okanye iZixhobo, ndwendwela iwebhusayithi ye- CLT uze ukhangele  aMathuba okuFunda ubuGcisa kunye neZixhobo kwicandelo loPhuhliso lwaBahlohli kunye nephepha loPhando:

Professional Learning Opportunities and Resources (sun.ac.za)

Ndingasibhukisha njani isityudiyo se- CLT? Kuxabisa malini ukubhukisha isityudiyo? 

Ngayo yonke imibuzo enxulumene nesityudiyo se- CLT, iinkonzo zocingo okanye iinkonzo ezahlukeneyo ezibonelelwa yi- CLT, ndwendwela iwebhusayithi ye- CLT uze ukhangele kwiphepha, iMisebenzi, iiTelematiki kunye neeProjekhthi:

Operations, Telematics and Projects (sun.ac.za)

Ndingakwazi ukusebenzisa isityudiyo kunye nezixhobo? Ndingakwazi ukurenta ikhamera yevidiyo ukufota kwiindawo ezahlukeneyo? 

Ukufumana ulwazi olulodwa ngokusebenzisa isityudiyo kunye nezixhobo, ndwendwela icandelo leMisebenzi kwiphepha leMisebenzi, iiThelematiki kunye neeProjekhthi:

Operations (sun.ac.za)


​​ IiNdawo zokuFunda ezoNgezelelweyo ​

Yintoni i- ELS?

Inkqubo ye-ELS asiyiyo iProjekhthi nje yokujongana nomngeni wokufundela kude ngenxa yokucutheka komthamo wamaholo okufundisela kodwa ngokunjalo kukubonelela amathuba exesha elizayo kubahlohli ukuba basasaze iintetho zabo ngeli xesha befundisa kumaholo okufundisa, kwaye balungelelanise oko kufundiswayo yiYunivesithi kunye noMgaqo Nkqubo wokuFundisa nokuFunda. Ukuzuza ufikelelo kwimithobo yolwazi yangaphakathi ye-Els e-SU, cofa kule linki kwiwebhusayithi yeCLT:

Academic Development | Research (sun.ac.za)


​​ iiLwimi ezininzi

Kutheni iYunivesithi ineZiko loLwimi?

Igunya leZiko loLwimi kukunikela ngenkxaso yolwimi kubafundi kunye nabaxhasi bethu, ngokunjalo ukukhuthaza iilwimi ezininzi. Sikwenza oku ngendlela ezahlukeneyo, ukusuka ekukhuthazeni   ukucinga ngeelwimi ezininzi phakathi kwabasebenzi kunye nabafundi ukuya ekuboneleleni ngekhosi  zonxibelelwano ngolwimi  kunye  neemodyuli zokufunda nokubhala, ukuqhuba iLebhu yokuBhala apho abasebenzi kunye nabafundi banokufumana iingcebiso ezifele-fele zokubhala kunye nenkxaso ngokunjalo babonelelwe ngeLebhu yokuFunda apho abafundi nabasebenzi banokufunda ukufunda ngcono nokukhawuleza. Senza kwakhona kufumaneke utoliko  egumbini lokufundela  kwaye sinikezela ngenkonzo yokuhlela kunye noguqulelo.  Ezininzi kwezi nkonzo ziyafumaneka kwi-intanethi  ngokunjalo.​

Kutheni iilwimi ezininzi zibalulekile kwi- TLA?

Ukuthetha iilwimi ezininzi– oko kukuthi, ukukwazi ukuthetha  nokuqonda ngaphezulu kweelwimi ezimbini–kuya kukuvulela ihlabathi elitsha wena kunye nabafundi bakho. UkuFundisa nokuFunda ngeelwimi ezahlukeneyo, umzekelo, ngesiNgesi, ngesi-Afrikansi kunye nesiXhosa, njengokuchasene nokukhetha kuphela ulwimi olunye lokufundisa nokufunda, kunika abafundi ithuba lokujongana nemathiriyeli yokufunda ngeembono ezahlukeneyo kwaye bafumane eyona ndlela ehambelana kakhulu nesimbo sabo sokufunda. Ivumela ngokunjalo amazwi amaninzi aviwe ngokunyanisekileyo kwaye iyinto ebalulekileyo kubafundi ukuba bahlanganise ulwazi kwisithuba sokufundisa nokufunda. Ukufumana uvavanyo ngeelwimi ezahlukeneyo ngokunjalo kunika abafundi ithuba lokukhangela imibuzo kwezinye iilwimi ukuze bawuqonde ngcono umbuzo into leyo enokuthi inyuse amathuba abo okuphumelela.

Ukongeza, iilwimi ezininzi ziya kwenza ukuba uqhagamshelane ngcono nabanye abantu kwaye ikuphuhlise ngeendlela ezininzi. Abantu abathetha iilwimi ezininzi bakholisa ukuba ngcono ekuhlalutyeni okusingqongileyo nasekuboneni ulwazi olulahlekisayo bakholisa ngokunjalo ukwenza izigqibo ezisengqiqweni banezakhono ezingcono zokusombulula iingxaki. ukwenza imisebenzi emininzi ngaxeshanye ngcono, bafunda ngokukhawuleza izakhono ezintsha, banxibelelana ngokufanelekileyo ngaphezulu kwaye babhala ngcono ngokunjalo. Ukuthetha iilwimi ezininzi lolunye lweempawu iYunivesithi enqwenela ukuba abanezidanga babe nazo ngexesha befumana izidanga.

Ngako oko, umntu ngamnye kunye noluntu lweelwimi ezininzi lunokubonwa “njengesixhobo sokuququzelela uphuhliso lwengqondo, ukufikelela kulwazi, ukubandakanya, inguqu, umanyano loluntu, kunye nentlonipho yeelwimi zonke".

ngokuhambelana neSakhelo soMgaqo-Nkqubo woLwimi wamaZiko kaWonke-Wonke eMfundo ePhakamileyo  (2020).

Ingaba iZiko loLwimi luzixhasa njani iilwimi ezininzi?

IZiko loLwimi lenza kufumaneke  inkonzo yotoliko egumbini lokufundela kwaye sibonelela eyokuhlela kunye neyenguqulelo  Ngaphezulu, sibonelela ngeekhosi ezininzi ezimfutshane zolwimi. Unakho ukufunda ukuthetha isiXhosa esisisiseko okanye IsiAfrikaansi kunye nathi, ube nolonwabo olu khulu kwinkqubo kwaye ude uxhaswe ukwenza oko ukuba ube nethamsanqa. Jonga iNdawo yethu yokuFunda uLwimi,  ebonelela ngeendlela zobuchule zokufunda ulwimi olutsha. Unakho nokuphucula ukufunda nokubhala Unakho kanjalo ukuphucula  isiNgesi sokufunda nokubhala  kunye nathi. Ngaphezulu, sibonelela ukufunda ukubhala nokufunda ukufunda kunye neemodyuli zonxibelelwano lobuchwepheshe  kwezinye iifakhalthi, eziya kuthi zincede abafundi bafunde ukuthetha 'iyunivesithi' kwaye ibalungiselele ukuba banxibelelane ngendlela yobugcisa.

Ingaba abafundi bayakwazi ukukhetha ukufunda ngesiAfrikansi okanye ngesiNgesi?

Ewe,  banakho. Kuya kufuneka baqinisekise kwifakhalthi apho baya kuthanda ukufunda khona bafumanise ukuba isicwangciso sayo solwimi  sikhangeleka njani  kuba oko  kumisela iilwimi ekufundiswa ngazo izifundo.  Abafundi banakho kanjalo ukusebenzisa itoliki  ukuba iyafumaneka kwigumbi lokufundela. Iziko loLwimi libonelela ngokufunda ukubhala nokufunda kunye neemodyuli zobuchwepheshe bonxibelelwano kwisiAfrikaans kunye nesiNgesi ukunceda abafundi ukudlulisa izakhono abanokuziva bekhululekile ngakumbi ngazo kolunye lwezo lwimi kwezinye izifundo zabo. Jonga  kuMgaqo-Nkqubo woLwimi wase-SU (2022), icandelo 7.1 ukufumana ulwazi ngemfuno zolwimi fmalunga nemathiriyeli yokufunda kunye novavanyo.

Ndingawusebenzisa njani uMgaqo-Nkqubo kwimodyuli yam?

Iifakhalthi kufuneka zingenise izicwangciso zolwimi ngonyaka ngamnye. Ezi zicwangciso ziya kuchonga ukhetho lolwimi olusetyenziswayo kuzo zonke iimodyuli zesidanga sokuqala.  

Imodyuli inokunikezelwa kusetyenziswa naluphina kukhetho lwezi lwimi zilandelayo zichongiweyo.   kuMgaqo-Nkqubo woLwimi 2022) we-SU:

  • Kohlulwa izifundo ngesiAfrikaans kunye nesiNgesi (7.1.3)
  • Zombini isi Afrikaansi kunye nesiNgesi kwisifundo esinye (7.1.4)
  • Ulwimi olunye kuphela (7.1.5)

Ukufumana ulwazi olungaphezulu, i-i infographic iyafumaneka  ukushwankathela uMganqo-Nkqubo.

Ingaba ndidinga i-itoliki egumbini lam lokufundela?

Iifakhalthi zingenisa izicwangciso zolwimi unyaka ngamnye. Isicwangciso solwimi sefakhalthi yakho siya kumisela ukuba ngaba udinga itoliki egumbini lakho lokufundela.  Ukuba imodyuli yakho ifanelekile ukuba netoliki ngokubhekiselele kwisicwangciso solwimi  sokuphunyezwa sefakhalthi yakho,imodyuli yakho iya kubandakanywa ngokuzenzekelayo kwi thayimtheyibhile yotoliko  kwaye uya kufumana i-imeyile evela ku -Juanli Theron okanye u- Christine Joubert phambi kokuqala kwesimesta. 

Iinkonzo zotoliko ziyafumaneka kwiimodyuli apho kungekho mfuneko ngokungqongqo ngokwesicwangciso sokuphunyezwa kolwimi kwifakhalthi yakho. Ukuba uyiqaphele  imfuneko kufundiso,  yokutolika okanye ufuna ukudala amava eelwimi ezininzi  kwiigumbi lokufundela, qhagamshelana no- Juanli Theron okanye Christine Joubert  ukuze ubandakanywe kwithayimtheyibhle yokutolika.  Ilungelo eliphambili liya kunikwa iimodyuli ezifanelekileyo ngokwesicwangciso sokuphunyezwa kolwimi lwefakhalthi. 

Ukufumana ulwazi olungaphezulu, ndwendwela kwiphepha lenkonzo yethu yotoliko kwiZiko loLwimi  apha.

Ingaba kufuneka ndihlawulele iinkonzo zotoliko kwimodyuli yam?

Hayi, akuyilungiseleli ngokwakho intlawulo yeenkonzo zotoliko kwimodyuli yakho. Inkonzo ibhatalwa liziko ngokwalo. 

Ingaba iizilayidi kunye namanqaku emodyuli yam kufuneka azifumaneke engeziphi iilwimi?

Ngoko-Mgaqo-Nkqubo woLwimi  we-SU (2022:7), yonke imathiriyeli yokufunda kufuneka ifumaneke ubuncinane ngeSingesi, ngaphandle kokuba imodyuli imalunga nolwimi ngokwalo,cinga ngokwenza amanqaku kunye nezilayidi zifumaneke ngesi- Afrikansi ngokunjalo. Ukuba kunokwenzeka cinga ngokwenza amanqaku kunye nezilayidi zakho ngesi-Afrikaansi ngokunjalo,  ukuxhasa  ingqondo yeelwimi ezininzi iYunivesithi inqwenela ukuyikhuthaza phakathi kwabafundi kunye nabasebenzi. Ukuba kukho imfuneko yokufundisa, bandakanya isiXhosa kwizifundo zakho ngokunjalo– inkxaso-mali yokuphumeza ulwimi iyafumaneka ukuze kwenziwe inguqulelo kwisi-Afrikansi kunye nesiXhosa. Ngaphezulu, iifakhalthi zingenisa izicwangciso zolwimi unyaka ngamnye. Isicwangciso solwimi sefakhalthi yakho siya kugqiba malunga nolwimi ekufuneka ulisebenzise ukufundisa.

Ingaba kufuneka ndihlawulele inguqulelo yemathiriyeli yokufunda?

Ewe, kwaye inkxaso-mali iyabonelelwa. IYunivesithi yabele ukuphunyezwa kolwimi inkxaso-mali enokusetyenziswa kwinguqulelo nokuhlelwa kwemathiriyeli yokufunda  kwifakhalthi nganye. Xa uye kwiZiko loLwimi ukuze wenzelwe inguqulelo yemathiriyeli yokufunda, uya kunikwa ingxelo yamaxabiso onokuyisebenzisa ukwenza isicelo senkxaso-mali yokuphumeza isicwangciso solwimi. Umphathi wakho wefakhalthi umele ukukunceda ngalo mba.

Abafundi bam bayasokola ukuziqhelanisa nemeko yeYunivesithi malunga nokufunda nokubhala kwizifundo. Ungandiceda ngalo mba?

Ukukwazi ukubhala nokufunda umbhalo wezemfundo kwaye ubambe incoko malunga nawo asiyonto eyenzekayo ngokwemvelo. Ifana kakhulu nokufunda ulwimi olutsha, ulwimi abafundi okunokwenzeka ukuba abazange balusebenzise ngaphambili. KwiZiko loLwimi sibonelela -  ngolwazi lokufunda nokubhala kunye nemodyuli yonxibelelwano lobuchwepheshe  ezinekhredithi.  Ukuxhasa abafundi ekufundeni ngokunjalo nasekusebenziseni ulwimi olutsha– ukufunda ukuthetha 'eyunivesithi' kunye nokubalungiselela ukunxibelelana ngendlela yobuchwepheshe. Sisebenzisana kunye neefakhalthi ukuxhasa abafundi ngeli xesha besakha ulwazi kunye nokufunda ukufunda. 

IZiko lolwimi kanjalo libonelela ngeenkonzo ezingaphezulu kumasebe okanye kubahlohli abathi bachonge imfuno yongenelelo olungezekileyo malunga nolwazi lokufunda, ukubhala kunye nenkxaso kulwimi lwabafundi babo abathi baqaphele imfuno yongenelelo olongezelelweyo malunga nokufunda, ukubhala kunye nenkxaso kulwimi kubafundi babo. ​  ILebhu yokuBhala kunye neLebhu yokuFunda yeZiko loLwimi ziindawo ezikhuselekileyo apho abafundi okanye namalungu abasebenzi banokuphuhlisa baphucule khona izakhono zokubhala nokufunda ngokwezemfundo.  ​

Ndifuna ukuphucula izakhono zam zokunxibelelwano. Ngawaphi amathuba akhoyo kum okufunda ubugcisa?

IComms Lebhu yeZiko loLwimi ibonelela ngokunjalo ngee khosi ezimfutshane zonxibelelwano lobuchwepheshe  ezahlukeneyo ezinokukunceda uphuhlise ubuchule obahlukeneyo bokusebenza ngempumelelo kunye nokuzithemba kunxibelelwano ukwenzela ukuba ukwazi ukunxibelelana ngokunzulu nabafundi bakho. Nazi ezinye iikhosi onokuzuza kuzo. 

Ukuyila iintetho ngokuzithemba
Wakha wanqwenela izakhono zokujongana neentetho ngokulula nangobuchule? Funda ukugqithisa umyalezo wakho ngokucacileyo kwaye ujongane nabaphulaphuli bakho ngokuzithemba. 

Unxibelelwano lwesiNgesi lwenziwa lula
Uziva ulahlekile kwisiNgesi? Siya kukunceda ukuba ufunde kwaye uziqhelanise nezakhono  ezibalaseleyo ezifunekayo ukuthetha kunye nokubhala isiNgesi ngokuzithemba. 

 Ikhosi yegrama yesiNgesi; yexeshana equlathe okuninzi
Ungathanda ukuba sendaweni ephezulu kwimigaqo yegrama? Dibana nathi ukuze ube ngumnxibelelanisi ongcono kwaye wonwabe ngeli xesha usenza njalo. 

Ukufumana ulwazi olungaphezulu malunga neekhosi ze-Comms.Lebhu yeZiko loLwimi, qhagamshelana no- Michelle Pieters.

I-MobiLex app

Le- app iphuhliswe e- SU ngenjongo yokwandisa amava okufunda abafundi ngokuphucula izifundo zase-SU zeelwimi ezininzi kunye nezakhono zabafundi zokusebenzisa uluhlu lwamagama eelwimi ezininzi. I- app ibonelela ngesigama esijolise kwisifundo esithile kwisi -Afrikansi, isiNgesi kunye nesiXhosa kubafundi besidanga sokuqala kunye nabahlohli kwiifakhalthi zeMfundo, ezakwaLizwi, uBugcisa neNzululwazi yezeNtlalo, ezoQoqosho noLawulo kwiNzululwazi, INzululwazi kunye neNjineli.  

Dawnlowuda i-app esimahla kwi-Playstore okanye i-iStore.


​​ Impumelelo yaBafundi

i-SUNSuccess 

Iprojekhthi ye- SUNSuccess ineyona njongo ibanzi yokuphumeza isisombululo senkxaso yomfundi ngezi njongo zilandelayo:

  • Ukunikezela ngemisebenzi ezenzekelayo ukuxhasa nokulandela umkhondo wongenelelo
  • Ukukhomba kwaye unxibelelane malunga namathuba okukhula kwezemfundo nakubuqu bomntu (umz. Izilumkiso ngethuba kunye neeflegi).
  • Ukubeka esweni kunye nokulinganisa ifuthe longenelelo lokuphucula-impumelelo kwintsebenzo yezemfundo, amava kunye nophuhliso lobuqu nentlalo.
  • Ukunikezela ngembono ekrele-krele kunye nelungiselelweyo yedatha kubo bobabini abafundi kunye nabasebenzi abaxhasayo kwimfundo 

IProjekhthi iyaphuhliswa njengemodyuli ye-SUNStudent ngenjongo yokuyisungula phakathi kunyaka wama -2023. Nceda uqhagamshelane no- Christina Harvett (cmh@sun.ac.za) ngayo nayiphina imibuzo.

Ungandinceda mna kunye nabafundi bam ngolwazi lokubhala ngokufanelekileyo?

Ngokuqinisekileyo.  iLebhu yethu yokubhala  yindawo ekhuselekileyo apho unokunxibelelana no mcebisi wokubhala malunga nokubhala kwakho kwezemfundo. Unakho ukusindwendwela amaxesha amaninzi kangangoko uthanda, kwaye inkonzo yethu isimahla. Sikwabonelela kanjalo  ulwazi lokufunda nokubhala kwezemfundo kunye neemodyuli  zobuchwepheshe bonxibelelwano  kubuninzi beefakhalthi, ezinokunceda abafundi bafunde ngakumbi ukuthetha 'eyunivesithi' kwaye balungeselelwe ukunxibelelana ngendlela yobuchwepheshe.

Ungandinceda mna nabafundi bam ngokufunda kwezemfundo?

Ewe, singathanda ukwenza njalo!  ILebhu  yethu yokuFunda inikezela ngeendlela ezininzi zokwandisa izakhono zakho zokufunda, ngeseshoni zocweyo ezimfutshane nezisimahla ukuya ekusebenziseni i- ReadTheory, ebonelela ngoqheliso lokuqonda ukufunda  kwi-intanethi kubafundi bawo onke amanqanaba. Ngokunjalo sisebenza kunye nezinye iifakhalthi ukwenzela ukuba iinkonzo zethu zibandakanywe kwezinye iikhosi. Ezinye zezi nkonzo zisimahla ngokunjalo. 

Loluphi ucweyo lweLebhu yokuBhala abafundi bam abanokuzenza? 

Ucweyo lwe-Lebhu yokuBhala yeZiko loLwimi ijongana noluhlu olubanzi lwezihloko kubandakanya umbutho wangaphakathi, ukumanyana, ukuyondelelana, isimbo isakhiwo sangaphandle, ukuhlela, abaphulaphuli, injongo yobhalo lwenzululwazi, izihloko zophando, ingxelo yengxaki, ingqikelelo. Sijonga ngokunjalo kwisakhiwo seprojekhthi, imihlathi kunye nengxoxo, isimbo sokubhala senzululwazi, iireferensi nokunye. Ucweyo lwethu lweLebhu yokuBhala lujolise kubafundi abenza iMastazi kunye nabenza ubuGqirha kwimimandla eyahlukeneyo kwaye lulungiselelwe ukunceda abanezidanga ezingaphaya kwesokuqala ukuba baphumelel. Funda ngaphezulu apha.

Ukuba ucinga ukuba abafundi bakho banakho ukuzuza kucweyo lwezakhono zokubhala ze Lebhu yokuBhala, iZiko loLwimi linakho ukunikela ngeekhosi ezilungiselelweyo okanye ucweyo kumasebe athile, ngokubhekiselele kwiimfuno zakho ezizodwa. Siya kucwangcisa, siphuhlise kwaye sinikezele ezi khosi ngentsebenziswano nabahlohli abavela kumasebe awohlukeneyo. Ukulungelelanisa ucweyo olulungiselelwe abafundi bakho  qhagamshelana no- Selene Delport.

Ukufundisana koontanga (fundisa): Ndingaziqeqesha njani ityhutha zam (ukufundisana koontanga)?

Iifakhalthi ezininzi zinamathuba oqeqesho lwangaphakathi lokufundisana koontanga (iityhutha). Ungaqhagamshelana noSekela-Mlawuli wefakhalthi: UkuFundisa nokuFunda ukuze ufumane ulwazi olungaphezulu i-SU ngokunjalo inikezela ngeKhosi eMfutshane yoQeqesho lokuFundisana kooNtanga.Ukufumana ulwazi olungaphezulu, nceda undwendwele

https://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/Pages/Peer-facilitation-training.aspx okanye uqhagamshelane no- Sim Ntwasa (sim@sun.ac.za

Ndingayicela yenze ntoni ityhutha?

Ummiselo wenkxaso yokufundisana koontanga, unikezela ngezikhokelo zokuba ungabonisana; nceda ujonge iNqaku 6.1:iSihloko sentlonipho kunye neendima. Unakho ukunxibelelana ngokunjalo no- Sim Ntwasa (sim@sun.ac.za) ukufumana ulwazi olungaphezulu. 

Nceda undwendwele iwebhusayithi ye- CTL ukuze ufumane iMimiselo yokufundisana koontanga:

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/t-l-policies-and-guidelines/institutional 

Ndingalufumana phi ulwazi olongezelelweyo malunga neKhosi eMfutshane yoQeqesho lokuFundisana kooNtanga?

Ukufumana ulwazi olungaphezulu, nceda undwendwele

https://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/Pages/Peer-facilitation-training.aspx okanye uqhagamshelane no- Sim Ntwasa (sim@sun.ac.za)​


​​ Izibonelelo zokuFundisa, ukuFunda kunye noVavanyo

Ndingayifumana phi iMigaqo-Nkqubo yeZiko enxulumene nokufunda, ukufundisa novavanyo?
Ndingayifumana phi iMigaqo-Nkqubo yamvanje ye- TLA?

Nceda undwendwele iwebhusayithi ye- CTL malunga neMigaqo-Nkqubo enxulumene ne- TLA-:

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/t-l-policies-and-guidelines/institutional 

Unakho ukufumana imigaqo-nkqubo kwi-webhusayithi ye-SU:

http://www.sun.ac.za/english/policy

Ndingayifumana phi imigaqo-nkqubo yesizwe enxulumene nokufunda, ukufundisa novavanyo?

Unakho ukundwendwela iwebhusayithi ye- CTL:

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/t-l-policies-and-guidelines/national 

Iwebhusayithi ye- APQ ibonelela ngengqokelela ye -HE frameworks.

Ipotifoliyo yokuFundisa: Ndingayiqokelela njani ipotifoliyo yokufundisa (ngokunjalo neyokunyuselwa)?

I- CTL inezibonelelo ezininzi ezinokukunceda:

https://www0.sun.ac.za/ctlresources/teaching-portfolios/ 

Unakho ngokunjalo ukuqhagamshelana nomcebisi we-CTL kwifakhalthi yakho ukuze ufumane uncedo.Ukufumana ukuba ngubani umcebisi we- CTL wefakhalthi yakho, cofa apha: 

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/professional-learning-opportunities-for-t-l/faculty-based-work

Amabhaso kunye nezibonelelo : Ndingalufumana phi ulwazi olongezelelweyo malunga no -kufundisa umanyano /Amabhaso okufundisa?
Wamkelekile ukundwendwela iwebhusayithi ye- CTL ukuze ufumane ulwazi olongezelelweyo. 

UkuFundisa Umanyano:

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/t-l-awards-and-grants/teaching-fellowships 

Amabhaso okufundisa e-SU:

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/t-l-awards-and-grants/rectors-award-for-lecturers/su-institutional-excellence-in-teaching-and-learning 

Unakho ngokunjalo ukuqhagamshelana no-Dr Karin Cattell-Holden (kcattell@sun.ac.za) ukufumana ulwazi olungaphezulu.

Ndingasenza njani isicelo sebhaso lokufundisa?

Unakho ukuqhagamshelana nomcebisi we- CTL njengoko  ifakhalthi nganye  inenkqubo yayo yangaphakathi.Izikhokelo zokwenza isicelo ziyafumaneka kwiwebhusayithi ye- CTL. 

Amabhaso okufundisa e-SU:

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/t-l-awards-and-grants/rectors-award-for-lecturers/su-institutional-excellence-in-teaching-and-learning 

Ukufumanisa ukuba ngubani umcebisi we- CTL kwifakhalthi yakho, cofa apha:

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/professional-learning-opportunities-for-t-l/faculty-based-work 

Unakho ngokunjalo ukuqhagamshelana no- Dr Karin Cattell-Holden (kcattell@sun.ac.za) ukufumana ulwazi olungaphezulu.

Yintoni i- Finlo? Ndisenza phi isicelo? 

Yinkxaso-mali yokusungula ngokutsha kunye noPhando ekufundeni kunye nasekuFundiseni (Finlo) yasekwa ngowama- 2005 ukukhuthaza inkcubeko yokusungula izinto ezintsha kunye nokucingisisa ekufundeni, ekufundiseni kunye novavanyo eYunivesithi. Inkxaso-mali ibonelela abahlohli ngethuba lokuba basungule ngokutsha, bahlole ukusebenza ngokufanelekileyo kunye neenkqubo. Ngokunjalo nokuphanda ukufunda nokufundisa, iingxaki, izisombululo kunye nezintsha. Ikwa bonelela nangendlela yokusasaza iziphumo  ezilungiselelwe ukuphucula umgangatho wokufunda, ukufundisa novavanyo.Nawuphina umhlohli, iqela labahlohli okanye iziko elinoxanduva lokufunda, ukufundisa kunye nokuvavanya, linokwenza isicelo sebhaso. Ukufumana ulwazi olungaphezulu,okanye ukwenza isicelo, ndwendwela iwebhusayithi ye- Finlo: http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/t-l-awards-and-grants/firlt 

Unakho ngokunjalo ukuqhagamshelana finlo@sun.ac.za  ukuze ufumane uncedo. 

Zeziphi iikhosi ezimfutshane ezinxulumene ne- TLA- ezifumanekayo?

I-CTL inikezela ngeekhosi ezimfutshane ezahlukeneyo zabahlohli ukuxhasa indima yabo yokufundisa. Uya kufumana uluhlu lwamathuba okufunda ngobugcisa apha 

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/professional-learning-opportunities-for-t-l Cofa  kwimenu ehlayo) 

Uya kufumana amathuba okufunda ngobugcisa abonelelwa yi- CLT apha:

Professional Learning Opportunities (sun.ac.za) 

I-Lebhu ye-Comms yeZiko loLwimi nayo inikezela ngeekhosi ezimfutshane zonxibelelwano lobuchwepheshe  ezahlukeneyo  ezinokukunceda uphuhlise izakhono zakho ezahlukeneyo ukuze ube nonxibelelwano olusebenzayo kwaye ube ngumnxibelelanisi ozithembileyo ukwenzela ukuba unxibelelane nzulu ngaphezulu nabafundi bakho: 

Ukuyila iintetho ngokuzithemba

Wakha wanqwenela izakhono zokujongana neentetho ngokulula kunye nangobuchule?

Funda ukugqithisa umyalezo wakho ngokucacileyo kwaye ujongane nabaphulaphuli bakho ngokuzithemba. 

Unxibelelwano lwesiNgesi lwenziwa lula

Uziva ulahlekile kwisiNgesi? Siya kukunceda ukuba ufunde kwaye uziqhelanise nezakhon  ezibalaseleyo ezifunekayo ukuthetha kunye nokubhala isiNgesi ngokuzithemba. 

 Ikhosi yegrama yesiNgesi  yexeshana equlathe okuninzi

Ungathanda ukuba sendaweni ephezulu kwimigaqo yegrama? Dibana nathi ukuze ube ngumnxibelelanisi ongcono kwaye wonwabe ngeli xesha usenza njalo. 

Ukufumana ulwazi olungaphezulu malunga neekhosi zeComms Lebhu yeZiko loLwimi, qhagamshelana no- Michelle Pieters.

Yintoni i- PREDAC?

I-PREDAC yikhosi emfutshane ye- SU yoPhuhliso lweMfundo yobuNgcali kwiziFundiswa kumsebenzi wabo wokufundisa. Ikhosi emfutshane i- PRONTAK/PREDAC iinikezelwa ngonyaka kusenzelwa abahlohli abaqalayo e- SU. Ngeli xesha lekhosi, abathathi-nkxaxheba kunye nabanye abahlohli abasandula ukuqeshwa kwiifakhalthi ezahlukeneyo, baya kunikwa ithuba lokuba bacinge nzulu ngeembono zabo, ulwazi, nentekelelo malunga nokufundisa, ukufunda kunye novavanyo, kwimeko yeengcinga zangoku malunga nokufundisa eyunivesithi. Iindlela ezisebenzayo nezintsha ekufundiseni nakwimisebenzi yovavanyo ziya kuqwalaselwa kwikhosi yonke. Izakhelo zesizwe neziko ezikhokela imfundo ephakamileyo eMzantsi Afrika nase-SU ziya kubandakanywa ngokunjalo. Ukufumana ulwazi olungaphezulu, cofa apha:

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/professional-learning-opportunities-for-t-l/predac

Ndingayigqiba njani iKhosi yoVavanyo eMfutshane?

Ikhosi yoVavanyo eMfutshane inikezelwa ngesimesta yokuqala nangeyesibini ngonyaka ngamnye. 

Uyilo lwekhosi luhambelana ngokusondeleyo noMgaqo-Nkqubo woVavanyo (2022), ohlaziyiweyo oxhasa uvavanyo olukhuthaza ukufunda kwabafundiIkhosi ibhaliswe njengekhosi emfutshane esesikweni ye-SU (uBuchule) kwaye ilandela indlela edibeneyo, idibanisa ngokupheleleyo i-intanethi, imisebenzi ozifundelayo (kwi- SUNOnline) kunye ne-F2F yeseshoni zokudibana. Ukugqiba ikhosi emfutshane kuya kufuna ukuba abathathi-nxaxheba bachithe malunga neeyure ezingama-50 kule misebenzi.

Ukufumana ulwazi olungaphezulu, nceda uqhagamshelane  no-cvandermerwe@sun.ac.za okanye cofa apha:

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/Pages/Assessment-short-course.aspx

Egumbini lokufunda: Ingaba izilayidi zam namanqaku emodyuli kufuneka abe kweliphi ulwimi? 

Ngoko-Mgaqo-Nkqubo woLwimi  we-SU (2022:7), yonke imathiriyeli yokufunda kufuneka ifumaneke ubuncinane ngeSingesi, ngaphandle kokuba imodyuli imalunga nolwimi ngokwalo,cinga ngokwenza amanqaku kunye nezilayidi zifumaneke ngesi- Afrikansi ngokunjalo. Ukuba kunokwenzeka cinga ngokwenza amanqaku kunye nezilayidi zakho ngesi-Afrikaansi ngokunjalo,  ukuxhasa  ingqondo yeelwimi ezininzi   iYunivesithi inqwenela ukuyikhuthaza phakathi kwabafundi kunye nabasebenzi. Ukuba kukho imfuneko yokufundisa, bandakanya isiXhosa kwizifundo zakho ngokunjalo– inkxaso-mali yokuphumeza ulwimi iyafumaneka ukuze kwenziwe inguqulelo kwisi-Afrikansi kunye nesiXhosa. Ngaphezulu, iifakhalthi zingenisa izicwangciso zolwimi unyaka ngamnye. Isicwangciso solwimi sefakhalthi yakho siya kugqiba malunga nolwimi ekufuneka ulisebenzise ukufundisa.

Ingaba kufuneka ndihlawulele inguqulelo yemathiriyeli yokufunda?

Ewe, kwaye inkxaso-mali iyabonelelwa. IYunivesithi yabele ukuphunyezwa kolwimi inkxaso-mali enokusetyenziswa kwinguqulelo nokuhlelwa kwemathiriyeli yokufunda kwifakhalthi nganye. Xa uye kwiZiko loLwimi ukuze wenzelwe  inguqulelo  yemathiriyeli yokufunda, uya kunikwa ingxelo yamaxabiso onokuyisebenzisa ukwenza isicelo senkxaso-mali yokuphumeza isicwangciso solwimi. Umphathi wakho wefakhalthi umele ukukunceda ngalo mba. 

Ingaba ndidinga i-itoliki egumbini lam lokufunda?

Iifakhalthi zingenisa isicwangciso solwimi unyaka ngamnye. Isicwangciso solwimi sefakhalthi yakho siya kumisela ukuba ngaba udinga itoliki egumbini lakho lokufundela.  Ukuba imodyuli yakho ifanelekile ukuba netoliki ngokubhekiselele kwisicwangciso solwimi  sokuphunyezwa sefakhalthi yakho,imodyuli yakho iya kubandakanywa ngokuzenzekelayo kwi thayimtheyibhile yotoliko  kwaye uya kufumana i-imeyile evela ku -Juanli Theron okanye u- Christine Joubert phambi kokuqala kwesimesta. 

Inkonzo zotoliko ziyafumaneka kwiimodyuli apho kungekho mfuneko ngokungqongqo ngokwesicwangciso  sokuphunyezwa  kolwimi kwifakhalthi yakho. Ukuba uyiqaphele  imfuneko kufundiso  yokutolika okanye ufuna ukudala amava eeelwimiezininzi  kwiigumbi lokufundela, qhagamshelana no- Juanli Theron okanye Christine Joubert  ukuba babandakanywe kwithayimtheyibhle yokutolika.  Ilungelo eliphambili liya kunikwa iimodyuli   ezifanelekileyo ngokwesicwangciso sokuphunyezwa kolwimi lwefakhalthi.

Ukufumana ulwazi olungaphezulu, ndwendwela kwiphepha lenkonzo yethu yotoliko kwiZiko loLwimi apha​.​

Yintoni ulungelelwaniso lokwakha?
Ulungelelwaniso lokwakha lubhekiselele kulungelelwaniso lweziphumo, amathuba okufunda kunye novavanyo kwimodyuli yakho. Ngakumbi ngokusesikweni,

“ulungelelwaniso loKwakha luyilo lokufundisa, apho kujoliswe khona kukuba abafundi bafunde kwaye indlela ekufuneka bebonise ngayo ukufunda kwabo ichazwe ngokucacileyo phambi kokufundisa. Ukufundisa ngako oko kuyilwe ukuze kubandakanywe abafundi kwimisebenzi yokufunda eyandisa amathuba abo okufikelela kwezo ziphumo, kwaye imisebenzi yovavayo iyilwe ukunika isigqibo esicacileyo malunga nokuba ezo ziphumo ziphunyezwe kakuhle njani" (Biggs, 2014:5-6). 

Ukufumana ulwazi olungaphezulu, cofa​ apha: https://www0.sun.ac.za/ctlresources/constructive-alignment/ 

Ndingawafumana njani amanqanaba /iikhredithi ze- NQF kwimodyuli yam? 

Kwimodyuli ekhoyo: Nceda uqhagamshelane nomlawuli wefakalthi yakho usebenzise ikhowudi yemodyuli enamanani asibhozo ukuqinisekisa ukuba imodyuli yayibhaliswe njani kwi- SIS. 

Kwimodyuli entsha: Amanqanaba e- NQF axhomekeke (1) kuhlobo lwesiqinisekiso (ukutsho oko isidanga sebhatshela, isidanga se-Onazi, njl.njl..;  (2)  unyaka wokufunda enikezelwe ngawo imodyuli. Kwisidanga sebhatshela, iimodyuli zonyaka wokuqala zinikezelwa nokuba kukwinqanaba le-5 le- NQF,  (ulwazi olusisiseko) okanye kwinqanaba le-6, le-NQF, iimodyuli zonyaka wesibini kwinqanaba le-6 le-NQF, imodyuli zonyaka wesithathu kwinqanaba le-7  le-NQF.  

Ukufumana ulwazi olungaphezulu, jonga iwebhusayithi ye- APQ: https://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/learning-teaching-enhancement/APQ/Pages/Approval.aspx

Ingxelo yabafundi: Ndingalufumana phi ulwazi malunga nengxelo yabafundi?

Wamkelekile ukuba undwendwele iwebhusayithi yengxelo yabafundi okanye uqhagamshelane no- vfbeukes@sun.ac.za

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/student-feedback

Kufuneka ndiyiqokelele kangaphi ingxelo yabafundi?

Ingxelo yabafundi ekufundiseni kwabahlohli abatsha ifuneka kuphela kunyaka wesibini beqeshiwe. Ingxelo ingafumaneka kunyaka wokuqala xa ubani eqeshiwe ngenjongo yokuyisebenzisa ngexesha lothetha-thethwano olulandelayo kunye nabacebisi be-CTL ukuze uxoxe ngeziphumo kunye nenkxaso enokunikwa. Ukuba icelwe ngumhlohli omtsha, le ngxelo kufuneka iphathwe ngokuyimfihlo phakathi komsebenzi kunye nelungu elifanelekileyo elingumsebenzi we- CTL, ngokuxhomekeke ekubeni ithuba lengxelo yabafundi yesibini iyenzeka enyakeni apho iziphumo zayo zithunyelwa kumphathi wecandelo ngokwenkqubo eqhelekileyo.

Ndingabenza njani abafundi bam ukuze bazalise ifomu yengxelo yabafundi?

Ifomu yobhaliso kwi-intanethi kufuneka izaliswe ngumhlohli okanye igosa lolawulo kwisebe njengesicelo kwi-Ofisi yeNgxelo yaBafundi, ivule iphepha lemibuzo.

Abafundi baya kufumana isaziso se-imeyile esivela kwinkqubo yeNgxelo yaBafundi ngelinki kwiphepha lemibuzo kwaye banakho ukuzalisa ifomu ngekhomputha kwixesha elimiselweyo.

IYunivesithi yenza ntoni ngeziphumo zengxelo yabafundi?

Xa uvala iphepha lemibuzo yeNgxelo yaBafundi, kwenzeka ingxelo kunye nengqokelela yombuzo ngamnye kwaye izimvo ezingagqitywanga zabafundi zibandakanywa kwingxelo. Ingxelo ithunyelwa kumhlohli kunye nomphathi wecandelo lakhe. Umlawuli wefakhalthi naye ufumana ikopi yengxelo. Kucetyiswa ukuba iziphumo zisetyenziswa ukwazisa nokuphuhlisa ukufundisa, ukufunda kunye novavanyo e-SU. Nangona kunjalo, akukho mgaqo-nkqubo ugxininisa ngokucacileyo ocacisa ukuba makwenzeke ntoni ngeziphumo. Ifakhalthi/isebe ngalinye linendlela yayo yokusebenzisa kunye nokuphumeza iziphumo zengxelo yabafundi

Yintoni injongo yengxelo yabafundi?

Ingxelo yabafundi inokuba neenjongo ezahlukeneyo kubasebenzisi abohlukeneyo. Umzekelo, ingaba ufuna ukuba idatha ibandakanye ipotifoliyo yokufundisa, ingaba ufumana imingeni ethile ekufundiseni kwakho, ingaba unesicwangciso sokutshintsha ikharityhulam, ingaba bekukho utshintsho olubalulekileyo kwimodyuli/kwinkqubo okanye mhlawumbi kwiqela labafundi, njalo njalo? 

Ezinye izizathu eziphambili zengxelo yabafundi e- SU zezi zilandelayo:

    • Ukuxhobisa abahlohli ukuze uphucule ukufundisa kwabo.
    • Ukwenza igalelo kwimfundo yobungcali kwimfundo yabahlohli.
    • Ukuba yinxalenye yenkqubo yokufundisa nokufunda.
    • Ukwandisa amava abafundi okufunda nokufundisa.
    • Ukuqinisekisa ukusebenza ngempumelelo koyilo kunye nokunikezelwa kwekhosi.
    • Ukunceda abafundi bacingisise ngamava abo kwaye kubonelelwe ngezimvo ezakhayo kwinkqubo yokufundisa nokufunda.
    • Khomba ukusebenza okulungileyo.
    • Ukwenza igalelo lokubeka iliso kunye nokuphonononga uhlobo nemigangatho. 

E-SU, sikhuthaza ukuba ingxelo yabafundi kufuneka kuqala ijolise ekuxhobiseni abahlohli ukuze baphucule ukufundisa kwabo. Kuphela emva koko, apho ingxelo yabafundi inokusetyenziselwa nayiphina injongo, kwaye ngoko, ngobulumko obukhulu.

Ingaba ingxelo abafundi iyimfihlo?

Ewe, iyimfihlo. Inkqubo yengxelo yabafundi yenziwa ngendlela yokuba abafundi kunye nabasebenzi bengxelo yabafundi ibe ngabo kuphela, abanalo ufikelelo kumaphepha emibuzo. Abafundi bazalisa amaphepha emibuzo ngokungaziwa, kwaye abahlohli abanalo ufikelelo kwinkqubo okanye naliphina iphepha lemibuzo.

Iingxelo ezenziweyo emva kokuvalwa kwephepha lemibuzo nazo ziphathwa ngemfihlo egqibeleleyo. Kuphela ngumhlohli othile onguyena owenzelwe ingxelo okwaziyo ukufikelela kwingxelo yakhe. Ikopi yengxelo ithunyelwa ngokunjalo kwintloko yesebe kunye nomlawuli wefakhalthi. 

Ubulungisa kwezemfundo: Ndingawuphatha njani umba wokurhanela ukukopa? 

Nceda ujonge uMgaqo-Nkqubo wokuKopo ( ngenkxaso yobulungisa kwezemfundo) ngokunjalo nezikhokelo ezingqamene nefakhalthi yakho. 

https://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/Documents/SU%20Plagiarism%20Policy_2016.pdf

Ndingabanqanda njani ukuba bangakopi kwi-intanethi? 

https://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/Documents/SU%20Plagiarism%20Policy_2016.pdf

Uphando lwegumbi lokufundela: Yeyiphi inkxaso ekhoyo kuphando lwegumbi lokufunda? 

Wamkelekile ukuba uqhagamshelane nomcebisi we- CTL kwifakhalthi yakho uxoxe ngalo naluphina uphando olunokwenzeka kwigumbi lokufundisela oluqwalaselayo. Ngaphandle kwenkxaso yabo, i-Finlo ibonelela ngethuba lokuba abahlohli basungule izinto ngokutsha, bavavanye izinto ezisebenza kakuhle neenkqubo, kwaye baphande iingxaki zokufunda nokufundisa, izisombululo kunye neendlela ezintsha ezikhoyo.  Ibonelela ngokunjalo ngeendlela zokusasaza iziphumo ezenzelwe ukuphucula umgangatho wokufunda, ukufundisa kunye novavanyo . Nawuphina umhlohli, iqela labahlohli okanye iziko elinoxanduva lokufunda, ukufundisa novavanyo linakho ukwenza isicelo sebhaso. 

Unakho ukufumanisa ukuba ngubani umcebisi we- CTL kwifakhalthi yakho apha.

Ulwazi olungaphezulu kwi- Finlo luyafumaneka apha​.


​​ Isibonelelo soPhuhliso lweZakhono eYunivesithi

Ndingalufumana phi ulwazi olungaphezulu malunga ne- UCDG? 

Isibonelelo esikhoyo se- UCDG sinika inkxaso-mali kwiiprojekhthi, ngogqaliselo olubanzi kwimpumelelo yabafundi kunye nophuhliso, uphuhliso lwabasebenzi kunye nohlaziyo . 

Ulwazi olungaphezulu luyafumaneka apha: 

http://www.sun.ac.za/english/learning-teaching/ctl/t-l-awards-and-grants/teaching-development-grant 

Nceda uqhagamshelane no- Christina Harvett (cmh@sun.ac.za)  ukuba unayo nayiphina imibuzo.