Universiteit Stellenbosch
Welkom by Universiteit Stellenbosch
BOEKBEKENDSTELLING: Johannes Meintjes
Begin: 19/05/2023, 18:00
Einde: 19/05/2023, 20:00
Kontak:US Museum - 021 808 3029
Plek: University Museum

​​Die Stellenbosch Universiteitsmuseum nooi u na die boekbekendstelling van die werk getiteld Johannes Meintjes DAGBOEKE.

Die Suid-Afrikaanse skilder Johannes Petrus Meintjes (19 Mei 1923 tot 7 Julie 1980) was ook 'n historikus en skrywer, onder meer van twaalf dagboeke, waarvan nege dele ongepubliseerd gebly het. Meintjes het drie dele self uitgegee deur sy Bamboesberg Uitgewery op Molteno.

Sy eerste dagboekinskrywing is op 13 Februarie 1941 in Dagboek Deel 1 (gepubliseer in 1961) en die laaste in Deel 12 (ongepubliseerd) op 5 Julie 1980, twee dae voor sy dood.

Meintjes se inskrywing “Toe ek met die Dagboek begin het, het ek nooit besef dat dit my monument gaan wees nie. As die geheel ooit in een band verskyn, wie weet, kan daar maar taamlik gesny word ..." (30 Januarie 1964 in Dagboek Deel IV, ongepubliseerd), was die uiteindelike motivering vir die publikasie getiteld Johannes Meintjes DAGBOEKE.

Al die dagboeke, gepubliseer en ongepubliseerd, is saamgebring om die verhaal van Johannes Meintjes se lewe in geheel weer te gee. Die fokus is op die mense wat hy ontmoet het, asook kommentaar oor politieke gebeure en geloofsake. Daar is weggestuur van diep persoonlike, onsinnige of kwaadwillige opmerkings, terwyl vertellings oor sy uitgebreide sosiale aktiwiteite afgeskaal is. Die seer sake word wel aangeroer waar dit tersaaklik is. Waar gesondheids- of finansiële kwessies Meintjes se skeppingsvermoë beïnvloed het, word dit vermeld.

Die samesteller van die teks, LM de Waal, is ondersteun deur MRJ Opperman (samesteller van beeldmateriaal en argivaris van die Johannes Meintjes‑webblad).

 

Datum:                 Vrydag 19 Mei 2023

Tyd:                       18:00

Plek:                      Stellenbosch Universiteitsmuseum, Ryneveldstraat 52, Stellenbosch

RSVP na tel 021 808 3029 of e-pos usmuseum@sun.ac.za.​



USUNGULO LWENCWADI: 19 Meyi 2023, IMyuziyam yeSU

Johannes Meintjes DAGBOEKE

IMyuziyam yeYunivesithi yaseStellenbosch iyakumema kusungulo lweJohannes Meintjes DAGBOEKE, ingqokelela yoolindixesha bamagcisa.

Umzobi waseMzantsi Afrika uJohannes Petrus Meintjes (19 Meyi 1923 ukuya kutsho nge7 Julayi 1980) wayengusozimbhali nombhali, yaye ingqokelela yomsebenzi wakhe yayiquka iidayari ezilishumi elinesibini, iinxalenye yazo ezilithoba ezasala zingapapashwanga. Imiqulu emithathu wazipapashela uMeintjes kwishishini lakhe lokupapasha iBamboesberg eMolteno.

Idayari yakhe yokuqala yayiyeye13 Febhruwari 1941 kwiDagboek Deel 1 (eyapapashwa ngo1961), ngoxa eyokugqibela yabhalwa kwiDeel 12 (engapapashwanga) nge5 Julayi 1980, kwiintsuku ezimbini ngaphambi kokusweleka kwakhe.

Ekugqibeleni, athi amanqaku kaMeintjes, “Ukuqalisa kwam iDagboek, andizange ndiqonde ukuba iza kuba sisikhumbuzo sam. Ukuba yonke le ngqokelela iza kuvela kumqulu omnye, kwazi bani oku kuya kufuna ukuba ichetywe kakhulu ..." (Januwari 30, 1964 kwiDagboek Deel IV, engapapashwanga), eye yangqineka ikhuthaza ukupapashwa kweJohannes Meintjes DAGBOEKE.

Iidayari ezahlukeneyo, ezipapashiweyo nezingapapashwanga, zimela umsebenzi oqokelelweyo obalisa ibali lobomi bukaJohannes Meintjes ngokupheleleyo. Ingqalelo ikubantu awadibana nabo, namagqabaza ngeziganeko zopolitiko nemiba yezonqulo. Abaqulunqi bakuphepha ukwenza amagqabaza anzulu, angekho ngqiqweni nawenzakalisayo ngoxa bezigalela amanzi izinto awazenzayo ezininzi ekuhlaleni. Iintlungu nodandatheko zichazwa nje ngokufutshane apho kuyimfuneko. Kanti kukwabhekiselwa kwimiba yezempilo okanye eyezimali echaphazela ubugcisa bukaMeintjes.

Umqulunqi wenkcazelo, uLM de Waal, wayencediswa nguMRJ Opperman (ojongene nemifanekiso nomnyamekeli wovimba wewebhusayithi kaJohannes Meintjes).

Umhla:                 NgoLwesihlanu, 19 Meyi 2023

Ixesha:                 18:00

Indawo:               IMyuziyam yeYunivesithi yaseStellenbosch, 52 Ryneveld Street, Stellenbosch

RSVP kule nombolo 021 808 3029 okanye kule imeyili usmuseum@sun.ac.za.